Ebutsheni bolungiselelo lukaMzalwana uBranham kwacaca ukuba inqubo yobuhlelo yayakhelwe ukuphuhlisa imibutho yezenkolo, kodwa hayi iVangeli enyanisekileyo. UMzalwana uBranham wayekholelwa iZwi neZwi leBhayibhile, kwaye engayi kwenzelelela, nkqu nokuba oko kuthetha ukubukulwa ngamaqabane akhe, izihlobo, okanye usapho.
Ngelixa wayeselilungu leBandla iMissionary Baptist, wayalelwa ukuba athambise abafazi ukuba babe ngabalungiseleli. Nakuba kunjalo, wayezazi iZibhalo kakuhle kakhulu. UTimoti I 2:12 ngokuphandle uthi, “Ke andimvumeli umfazi ukuba afundise, okanye abe negunya phezu kwendoda, kodwa makathi cwaka,” kwaye AmaKorinte I 14:34 athi, “Mabathi cwaka abafazi ebandleni: kuba akuvumelekanga ukuba bathethe…” Oko kwakungachasananga nabafazi, kodwa iBhayibhile yayicace gca kulomba. Xa useko mda lwalufikile, wayengenakwenzelelela ke wayishiya icawa.
Eso yayingekokuphela kweSibhalo esasingasiwanga liso ngokupheleleyo ngamahlelo. INkosi yatyhila inyaniso ngobhaptizo kuMzalwana uBranham. Angathini uYesu ukuyalela, “Hambani ngoko, nifundise zonke iintlanga, nibabhaptize egameni likaYise, nelikaNyana, nelikaMoya oyiNgcwele,” kodwa lonke ubhaptizo olubhalwe eBhayibhileni lwaluseGameni likaYesu? Umpostile uPetros wabayalela kwiZenzo 2:38 ukuba baguquke kwaye babhaptizelwe eGameni likaYesu Kristu. Isibhalo sisebenze kubunye obupheleleyo, kodwa kwathabatha umprofeti ukutyhila lemfihlakalo: “Yise” asilogama, “Nyana” asilogama, kwaye “Moya oyiNgcwele” asilogama. Njengoko indoda inye inguyise kubantwana bayo, unyana kubazali bayo, umzalwana kubantwana bakowabo, kodwa igama layo asingo “yise,” “nyana,” okanye “mzalwana.” UYise, Nyana, noMoya oyiNgcwele zizihlonipho zeGama likaYesu Kristu. UMateyu 28:19 kunye nezenzo 2:38 kwafikelela kungqamano olupheleleyo.
Nkqu nesono sasekuqaleni eMyezweni wase Eden satyhilwa, hayi njengokutya isiqhamo, kodwa into ethile emanyumnyezi kakhulu. Kungathini ukutya intwana yesiqhamo ngoko nangoko kutyhile ku Adam no-Eva ukuba babeze? Ngokulula ayenzi mbadlo. Linanto yakwenza nantoni i-apile nokubaze? Umprofeti kaThixo wazityhila ezi zinto ngokucacileyo.
Ngubani ezazithetha ngaye iingelosi kwiZityhilelo isahluko sesi-2 nesesi-3? Amagama abo angavakala qhelekileyo.
Ngobani abakhweli mahashe angaqhelekanga kwiZityhilelo isahluko sesi-6? Babenento enye eyona ibalulekileyo abafana ngayo.
Ingaba i-United States ichatshazelwe kwiNcwadi yeZityhilelo?
Ngobani ama-144,000 asindiswayo kwisahluko 7?
Ihenyukazi elikhulu lesahluko 17? Ubuqu balo kunye nazo zonke ezimfihlakalo zatyhilwa kuMyalezo walomprofeti unamandla uthunyelwe nguThixo.
Zange nje ibe kukulandelwa kuphela yengabalekiyo imimangaliso, kodwa imfihlelo ebezifihliwe eBhayibhileni ngazo izigaba nazo zatyhilwa kulungiselelo lwakhe. Yaye yacaca ukuba lomprofeti wazalisekisa ezingaphezulu iZibhalo kuno Malaki 4.
Izityhilelo 10:7: Ke ngemihla yezwi leyesixhenxe ingelosi, xa iyakuqalisa ukuvakalisa, imfihlelo kaThixo iyakugqitywa, njengoko ayidandalazisileyo kubakhonzi bakhe abaprofeti.
ILizwi liyamemeza kwihlabathi ukuba liphume emahlelweni libuyele kwiLizwi likaThixo lamandulo. Sonke kuthi ngabanye sinethuba elifanayo elo uPetros, Yakobi, noYohane babenalo. Sinethuba lokubalelwa kwabambalwa abakhethiweyo bakaThixo abangasokuze baqubude kwimibutho yamahlelo alemihla.
Izibhalo eziNgcwele zibalisa ngobomi nezenzo zamadoda ahamba noThixo kwaye ayethanjisiwe kakhulu ngoMoya Wakhe abambabaza ITSHO INKOSI, kwaye amazwi abo angqinelwa yengenakusilela imiqondiso nezimanga. Ayengabaprofeti bakaThixo, neZwi likaThixo kwisizukulwane sabo.
Ingaba amaxesha ahlukile ngoku kunokuba ayenjalo ngelixa uYesu wayelapha? Yayizinkokheli zakwalizwi ezambethelelayo Yena. Abafundi yayiliqaqobana labambalwa phakathi kwenkulu inqubo yezenkolo. Babebukuliwe, benyhukulwa, bade ekugqibeleni babulawa ngokuma ngokuchaseneyo nenkqubo kawonke wonke yobuhlelo. Singangabulawa ngenxa yokholo lwethu, kodwa ngokuqinisekileyo siyatshutshiswa. Njengabafarasi nabaSadusi, babengenakuphika imimangaliso eyayilandela ulungiselelo lukaMzalwana uBranham ngoko babhenela kwezinye indlela zohlaselo. Ungeva ukuba wayengumprofeti wobuxoki, inkokheli yenkolo yonqulo-mntu, okanye into embi. Enyanisweni, wayeyindoda ethobekileyo kaThixo eyama ngokungagungqi ngokuchaseneyo nolungafuni kunikezela ulawulo athe amahlelo kunye namaqela onqulo-mntu awayenalo phezu kwabantu bakaThixo. Bamhlasela uYesu kwangendlela enye xa Wema ngokuchaseneyo nemigaqo kunye nezithethe zabo.
UThixo wakuvuza ukuvuma kukaMzalwana uBranham ekukholelweni lonke iLizwi eBhayibhileni, kwaye Usebenzisa ulungiselelo lwakhe ukukhokela izigidi zemiphefumlo kuYesu Kristu. Namhlanje, iZwi leSithunywa seSixhenxe lavakala ngamandla kakhulu njengoko Lakhe lanjalo. Malunga nezigidi ezimbini zabantu kumhlaba wonke bakholelwa uMyalezo kaMzalwana uBranham. Oku kungaba liqaqobana labambalwa bezigidi ngezigidi ezibanga ubuKristu, kodwa kuphi apho abantu bakaThixo bakhe ababangabambalwa?
Sinezingaphezulu kwama 1,200 eentshumayelo ezishicilelweyo ezineZwi elaprofetwa ukuba lize kwiZityhilelo 10:7. Ngazinye kwezintshumayelo zivula ezininzi imfihlakalo zikaThixo. Ela Zwi liyafumaneka ukuba uyafuna ukuliva Lona.
UKHETHO LOLWAKHO
Akukho naxesha lithile apho ndakhe ndazisa umyalezo ebantwini ukwenzela ukuba bandilandele, okanye bajoyine ibandla lam, okanye baqalise ubudlelwane obuthile kunye nombutho. Andizange ndiyenze lonto kwaye ndingasayi kukwenza oko ngoku. Andinamdla kwezonto, kodwa ndinawo umdla kwizinto zikaThixo nasebantwini, kwaye ukuba ndingazalisekisa nje ibenye ndiyakoneliseka. Lonto inye kukubona uqhagamshelwano olunyanisekileyo lokomoya phakathi koThixo nabantu, apho abantu bayakuba zizidalwa ezitsha kuKristu, bezaliswa nguMoya Wakhe kwaye bephila ngokweLizwi Lakhe. Ndingathanda ukumema, ndibongoza kwaye ndiyala bonke ukuba balive izwi Lakhe ngalo eli xesha, kwaye ninikele ubomi benu ngokupheleleyo kuYe, nanjengoko ndithemba entliziyweni yam ukuba ndinikeze konke okungokwam kuYe. UThixo anisikelele, kwaye kwanga ukuza Kwakhe kungayivuyisa intliziyo yenu.
Mfu. William Marrion Branham
Xa ufuna ingcombolo ngakumbi malunga nolungiselelo lukaMfundisi uWilliam Marrion Branham kunye nendlela ezinokufumaneka ngazo iintshumayelo zakhe, nceda qhagamshela:
THEMESSAGE.COM
Voice Of God Recordings Inc.
South Africa Office
58 Disa Road, Admiral’s Park, Gordon’s Bay
7140 Western Cape, Republic Of South Africa
+27 (21) 8563110