Awona mazwi abhaliweyo kwiTestamente Endala anika isithembiso: “Yabonani, Ndiyakunithumela u-Eliya umprofeti phambi kokufika kwemini eyoyikekayo kaYEHOVA: Kwaye uyakubuyisela iintliziyo zooyise kubantwana, neentliziyo zabantwana kooyise, hleze ndize Ndilitshabalalise ihlabathi ngesiqalekiso.” (Mal 4:5-6)
Imini enkulu neyoyikekayo yeNkosi kusafanele ifike, ke kufanele sikhangele umprofeti u-Eliya ngokunyanisekileyo. EBhayibhileni, abaprofeti zange baze kweka wonke-wonke imibutho yezenkolo. Baza kwakhethiweyo abambalwa. Khawufane ucinge ukuba umprofeti ka Malaki wesi-4 waza, kwaye bamphosa. Kungathini ukuba ufana nabaprofeti bakudala, kwaye iqaqobana labantu bamqonde yena? Ukuba lo mprofeti kufanele abuye kumhla wokugqibela, siyakumazi njani? Impendulo ibonakala ngokucacileyo eZibhalweni. Uyakuba nesimo somprofeti. Uyakwazi iimfihlelo zentliziyo. Uyakwenza imimangaliso. Imibutho yezenkolo iyakuzama ukumnyelisa. Kodwa kuyakubakho abambalwa abayakumqonda njengothenjisiweyo umthunywa walo mhla.
Siyakwazi njani xa u-Eliya ebuya? Mpawu zini ayakuzibonakalisa ukuze simqonde?
U-Eliya wayeyindoda yasezindle. Imiqondiso emikhulu nezimanga yalandelelana nolungiselelo lwakhe. Washumayela ngokuchaseneyo nobubi bomhla wakhe. Washumayela ngokukhethekileyo ngokuchaseneyo noKumkanikazi uJezebhele. Xa u-Eliya wanyuselwa eZulwini ngenqwelo yomlilo, umoya wakhe wawela ku Elisha. Imiqondiso emikhulu nezimanga yaphawula ulungiselelo luka Elisha, kwaye naye washumayela ngokuchaseneyo nesono sehlabathi. Bobani aba baprofeti bema bodwa ngokuchaseneyo nemibutho yezenkolo yawo loo mhla. Amakhulu eminyaka kamva, umoya okwamnye wabuyela emhlabeni ngoYohane umBhaptizi. Umprofeti uMalaki waqikelela ukuba u-Eliya uyakubuya azokwazisa iNkosi: “Bonani, Ndiyakuthumela umthunywa wam, kwaye uyakulungisa indlela phambi kwam...” (Malaki 3:1). UYohane umBhaptizi wayenyanisile njengoko wabiza inguquko kubantwana bakaThixo. Njengo Eliya, washumayela ngokuchaseneyo nokumkani neyaloo mihla imibutho yezenkolo. INkosi uYesu wangqinisisa ukuba uYohane umBhaptizi wayengumprofeti kaMalaki isi-3 kwiNcwadi kaMateyu (11:10): “Ngokuba nguye lo, kubhaliweyo ngaye, Bonani, Ndithumela umthunywa wam phambi kobuso bakho, yena uyakulungisa indlela yakho phambi kwakho.” ULuka 1:17 uyatsho ukuba umoya ka Eliya (Elias) wawuzakuba kuYohane umBhaptizi, “Kwaye uyakuhamba phambi kwakhe ngomoya nangamandla ka Eliya, ukuze abuyisele iintliziyo zooyise kubantwana.” Kodwa qwasela ukuba indawo yesibini kaMalaki isi-4 kusafuneka izaliseke: “…neentliziyo zabantwana kooyise, hleze Ndifike ndilitshabalalise ihlabathi ngesiqalekiso.” La ndawo yeSibhalo iyakuza phambi koKuza kweSibini kukaKristu.
Amawaka amabini eminyaka emva koYohane umBhaptizi, lixesha kwakhona lokuba umoya ka Eliya ubuyele emhlabeni.
Lo mhla ufikile! Kwesi sigaba, siwubonile umoya ka Eliya ubuya. Uchasene nenqubo yalemihla yobuhlelo. Ume ngokuchaseneyo nehlabathi. Ubonise engabalekiyo imiqondiso nezimanga. Ushumayele iBhayibhile ilizwi nelizwi ukusuka kwiGenesis ukuya kwiZityhilelo. Umprofeti kaMalaki isi-4 uze njengoko ebethenjisiwe, kwaye uzise uMyalezo osuka eTroneni kaThixo uSomandla. Igama laloo mprofeti ngu William Marrion Branham. Simbiza ngo “Mzalwana uBranham.”
“UWilliam Branham, lowo ndimthandayo nendikholelwayo ukuba ngumprofeti kaThixo.”
U-Oral Roberts, ovunyiwe lihlabathi umvangeli nomseki we Oral Roberts University.
“UWilliam Branham weza ngendlela yethu njengomprofeti kaThixo kwaye wasibonisa kwinkulungwana yamashumi amabini ncakasana kwa izinto ezinye esasiziboniswe kwiiVangeli…UThixo ubahambele abantu Bakhe, ngokuba umprofeti omkhulu uvukile phakathi kwethu.”
Gqir. T.L. Osborn, umvangeli wakwaMoya nobalaseleyo umbhali.
“Ngaphambi kokuthandazela umntu, ubeya kunika ezichanekileyo iinkcukacha ngokubhekiselele kwisigulo somntu, kananjalo neenkcukacha zobomi babo-iidolophu abasuka kuzo, izinto abazenzayo, izenzo-nkqu nasemva kakhulu kubuntwana babo. UBranham zange nakanye wenza impazamo ngelizwi lolwazi kuyo yonke iminyaka ndandinaye. Oko kuqukumbela, kwindawo yam, amawaka eziganeko.”
Ern Baxter, umvangeli, umphathi weMikhankaso kaBranham iminyaka esixhenxe, nomnye wabaseki bokuqala be British New Church Movement.
Akuzange ukusukela oko iNkosi uYesu Kristu wahamba emhlabeni kwabakho indoda ekhe yalichaphazela ihlabathi ngeyona ndlela yakhe yagqwesa. Ukusuka kwisiqalo esithobekileyo kwityotyombe eligumbi linye kwiinduli zaseKentucky, ukuya kwi Amarillo Texas apho iNkosi yamthabathela kwiKhaya lakhe, ubomi bakhe babusoloko buphawulwe ngeziganeko ezingaphezu kwendalo. Ngenkokhelo yeNgelosi yeNkosi ngowe-1946, ulungiselelo luka Mzalwana uBranham lwaveza iintlantsi ezaphemba isigaba esikhulu seemvuselelo zeempiliso ezatshayela ukunqumleza iMerika nelizwe jikelele. Kude kube ngulo mhla, uyavunywa ngabambali bembali yobuKristu njengo “yise” no “mseki zinga” wemvuselelo yempiliso yowe-1950 eyaguqula iBandla lakwaMoya yaze ngokunjalo yakhokelela ekuqaleni kwenomtsalane iNtshukumo, zona ezo namhlanje ezinempembelelo phantse kuwo onke amahlelo obuProtestanti. Nakubeni kunjalo, ukuchaza inyani, amahlelo ayazinyemba iimfundiso zakhe kwaye ayawuphika umyalelo wakhe.
Naphina apho aya khona, uThixo wangqina ukuba uMzalwana uBranham ngumprofeti kwesi sizukulwana. Njengo Yobhi, iNkosi yathetha naye kwisaqhwithi somoya. Njengo Moses, iNtsika yoMlilo yabonwa imkhokela. Njengo Mikaya, wayethiyiwe ngabefundisi. Njengo Eliya, wayeyindoda yasezindle. Njengo Jeremiya, wayeyalelwe yiNgelosi. Njengo Daniyeli, wabona imibono yexesha elizayo. Njenge Nkosi uYesu, wazazi iimfihlakalo zeentliziyo. Kwaye njengo Pawulos, waphilisa abagulayo.
INkosi kwakhona ibahambele abantu Bayo ngomprofeti. Kwelona xesha lakhe lamnyama kwimbali, apho izimilo zizikele kwiinzulu engazange yabonwa ngaphambili nezikhali ezimandlakazi okutshabalalisa zingxangile, indoda ethobekileyo yathunyelwa isuka ebukhoneni bukaThixo ukuza kubizela kwiguquko uhlanga olubhubhayo.
Othandekayo umfundi onguYohane wabhala malunga neNkosi uYesu:
Kwaye zikhona kananjalo nezininzi izinto awathi wazenza uYesu, zona ezo, ukuba bezinokubhalwa zonke ngazinye, ndiyaqikelela ukuba nkqu nehlabathi ngokwalo belingenakho ukuziphatha iincwadi ebezinokubhalwa. Amen. (Yohane 21:25).
Kwa into ekwanye ingatshiwo malunga nobomi buka Mzalwana uBranham. Kukho okungaphezulu kwama-1,200 eentshumayelo ezishicilelweyo kubandakanya namawaka amabali malunga nobomi beligorha lendoda. Nakubeni kunjalo sisaqhubeka sisiva ubugqina obutsha bempembelelo yakhe kubomi bezigidi zabantu. Le ncwadana ayisokuze ibenakho ukutyhila neqweqwe lwegalelo le ndoda kaThixo ebenalo elizweni.