Umbono waqhubekeka. Waxelwa ngamaqabana omfundisi wakhe okokuba umbono wakhe wawungasuki kuThixo. Waxelelwa ukuba ungenwe ngumoya ongcolileyo. Oko kwamkhathaza nzulu. Umthwalo waba nzima kakhulu ukuba awuthwale, ke waya entlango ukuya kufumana iNtando kaThixo. Wayezinikele kakhulu ekubeni akasayi kubuya ngaphandle kokufumana impendulo. Yayilapho, kwelimxinwa ityotyombe, apho iNgelosi yeNkosi yamnika umyalelo wakhe. Phakathi kwezinye izinto, iNgelosi yamxelela oko: “Ukuba ungabenza abantu bakukholelwe, kwaye unyaniseke xa uthandaza, akukho nto iyakuma phambi komthandazo wakho, nkqu nomhlaza.”
Zonke iintandabuzo zaziphelile. Ngoku wayenomyalelo waza wahambela phambili ngokuzithemba. Imvuselelo yempiliso yayiqalisile.
Amakhulu amawaka ahambela iimikhankaso kaBranham. Amawaka aphiliswa eGameni leNkosi uYesu Kristu. Abanye abavangeli abanje ngo Oral Roberts, T.L. Osborn, kunye no A.A. Allen balandela uMzalwana uBranham kwangoko baza baqalisa ezabo iimvuselelo zempiliso. INkosi yanethisa iintsikelelo Zayo ngendlela engazange ibekho ngaphambili. Isandla sikaYesu Kristu sempiliso sasiphindile kwakhona sachukumisa abantu Bakhe.
“Ndandisoloko ndilila ngenxa yovuyo ngezipho zikaThixo ezazisandula ukwenzeke ebandleni lomzalwana wethu othandekayo, uWilliam Branham, kunye nesimangalisayo isipho sakhe sempiliso. Oko nguThixo esenza ngokungaphezulu nangokugqithisileyo ngaphezu kwako konke oko sinokucela okanye sikucinge (Efes. 3:20), kuba zange ndabona okanye ndafunda nantoni elingana nempiliso yolungiselelo lukaWilliam Branham.
UMfu. F.F. Bosworth, ovunyiweyo lihlabathi umvangeli nomye wabazali abangabaseki behlelo i-Assembies Of God kunye nentshukumo yabakwaMoya yanamhlanje.
“Ngaxesha lithile, sabukela njengoko wayesiya kwindoda eyayilele emandlalweni. Ekuqaleni kwakungekho luphawu lwantshukumo endodeni. Inkcazelo ngoko yeza isuka kumfazi owayemi ecaleni, eyokuba indoda yayingafi nje kuphela ngumhlaza, kodwa yayisisithulu kwaye ingenakho ukuva okuthethwayo.
UMzalwana uBranham ngoko wathi iyakuba yimfuneko okokuba indoda ifumane ukuva kwayo ukuze abe nokuyiyalela malunga nempiliso yayo yomhlaza. Kwabakho ithuba lomthandazo. Ngesiquphe indoda yabanakho ukuva! Ezinkulu ezininzi iinyembezi zehla ngezidlele zala ndoda obuso bayo bebungabonakaliso nto lonke olorhatya kwaye bungashukumi. Yaphulaphula ngomdlakazi omkhulu njengoko yayixelelwa ngenkululeko yayo kumhlaza.”
Mfu. Gordon Lindsay, ogqwesileyo umbhali, umlungiseleli, kunye nomseki weChrist For The Nations Institute.
“UMzalwana uBranham wathi, ‘ULungulesigqeba uphilisiwe.’ Intliziyo yam yaxhuma. Ndatsiba ndaza ndamkela iNkosi njengoMphilisi wam. Ndabeka ecaleni intonga zam…aze amazantsi weZulu avuleka!”
William D. Upshaw, US Congressman (1919-1927), umgqatswa ukuba nguMongameli wase US ngo 1932. Wakhubazeka umzimba ukusukela ekuweni ophuke umqolo esengumntwana. Wayenama-84 xa waphiliswa ngokupheleleyo ngomthandazo kaMzalwana uBranham, emva kokuba ekhubazeke ngomzimba iminyaka engama-66. Zange abenamfuneko yokusebenzisa isitulo sokuhamba okanye iintonga ubomi bakhe bonke.
“Ndandilele ngomqolo isibhozo seminyaka neenyanga ezilithoba ndine T.B. kwaye oogqirha babendincamile. Kwakunzima nokuba ndenze ubunzima bama-50 obunzima kwaye kwakhangeleka ngathi onke amathemba ayephelile. Ngoko eJeffersonville, Indiana, kweza uMfu. WM Branham embonweni awawubonayo wetakana legusha libambekile entlango kwaye likhala ‘Milltown,’ leyo kulapho ndihlala khona. UMzalwana uBranham wayengazange abelapha okanye azi namnye umntu walapha. Ekungeneni, wabeka izandla kum wathandaza, ebiza phezu kwam iGama leyethu ethandekayo iNkosi uYesu. Into ethile yakhangeleka indibamba kwaye ngaxeshanye ndandiphakamile ndidumisa uThixo ngamandla Akhe okuphilisa. Ngoku ndingumdlali piyano kwicawa yaseBhaptizi apha.”
Georgia Carter, Milltown Indiana, waphiliswa kwebulalayo iT.B. ngowe-1940 kwaye zange agule ngesasifo kwakhona ebomini bakhe. Umele amashumi amawaka abantu abaphiliswayo ngolungiselelo lwakhe kwaye basaphiliswa nanamhlanje.