Kwaqalisa ukukhula ubumnyama kwigumbi lesibhedlela, ngokungathi kwakusemahlathini amakhulu. Ndinakho ukuva umoya ubhudla emagqibini, noko yakhangeleka iyindlela enkulu engaphandle ehlathini. Ukhe mhlawumbi weva ukuphafuza komoya ubhudla amagqabi, usiza kufutshane nakufutshane kuwe. Ndacinga, “Kulungile, oku kukufa kusiza kundithatha.” Owu! umphefumlo wam wawuzakuhlangana noThixo, ndazama ukuthandaza kodwa zange ndikwazi.
Okona umoya usiza, kokona ungxola kwaye ungxola. Amagqabi akhwahlaza konke konke ngaxesha linye, ndandimkile.
Kwakhangeleka ngathi ndandibuyile kwakhona inkwenkwe encinci ehamba ngenyawo, ime kulandledlana phantsi kwala mthi mnye. Ndeva ela Zwi linye elathi, “Ungaze usele okanye utshaye.” Kwaye amagqabi endawevayo ayekwa manye ayebhudla kula mthi ngala mini.
Kodwa ngeli xesha iZwi lathi, “Ndakubiza kodwa zange uze.” Liphindile amatyeli amathathu.
Ndaza ndathi, “Nkosi, ukuba nguWe, ndivumele ndibuyele emva emhlabeni kwakhona kwaye ndiyakuyishumayela iVangeli Yakho ukusuka kumaphahla ezindlu nembombo zezitrato. Ndiyakuxelela wonke ubani malunga nayo!”
Xa lombono waphelayo wagqithayo, ndafumana ukuba zange ndizive ngcono. Ugqirha wam wayesesakhiweni. Weza kundijonga kwaye wayemangalisiwe. Wajonga ngathi ucinga ukuba bendiyakuba sendifile, waza wathi, “Andingomntu uhamba icawa, umsebenzi wam mkhulu, kodwa ndiyazi ukuba uThixo uyihambele lenkwenkwe.” Kutheni wathetha lonto, andazi. Akukho mntu watsho nto malunga nayo. Ukuba ndandazile ngoko oko ndikwaziyo ngoku, ndandinokuvuka kulabhedi ndikhwaza uMalibongwe iGama Lakhe.
Emva kwentsuku ezimbalwa ndavunyelwa ukuba ndiphindele ekhaya kodwa ndandisagula kwaye ndanyanzelwa ukuba ndinxibe iindondo emehlweni am ngenxa yesiphene samehlo. Intloko yam yahlunguzela xa ndijonga nakuyiphi into ithutyana.
Ndaqalisa ukuphuma ndifune uThixo. Ndasuka kwicawa ndaya kwicawa, ndizama ukufumana indawo apho kwakukho esidala isiguqo. Into embi zange ndifumane nesinye.
Ndathi ukuba ndandikhe ndaba ngumKristu, ndandiyakuba ngowenene. Umlungiseleli owandivayo ndisenza lontetho wathi, “Ngoku Billy nkwenkwe, ulahlekela ekuthabathekeni.” Ndathi ukuba ndingafumana inkolo, ndifuna ukuyiva xa ifika, njengoko abafundi benzayo.
Owu malibongwe iGama Lakhe. Ndafumana inkolo kamva kwaye ndisenayo, kwaye ngoncedo Lwakhe, ndiyakusoloko ndiyigcinile.
Ngobunye ubusuku ndaziva ndilambele uThixo kakhulu kwaye amava enene okuba ndiphume ndiye kwishedi endala ngasemva kwendlu ndaza ndazama ukuthandaza. Ndandingakwazi ukuba kuthandazwa njani ngoko ke ndaqalisa ukuthetha naYe njengoko bendiyakwenza njalo nakubani. Konke ngaxesha linye kwaza ukuKhanya eshedini kwaye kwenza umnqamlezo kwaye iZwi elisuka emnqamlezweni lathetha nam ngelwimi endandingenakho ukuliqonda. Laza emva koko lemka. Ndandididekile. Xa ndabuyela ekuzoleni kwakhona ndathandaza, “Nkosi ukuba Nguwe lowo, nceda yiza uthethe nam kwakhona.” Ndandifunda iBhayibhile yam sukela ekubeni ndisekhaya ekuphumeni kwam esibhedlela kwaye ndafunda kuYohane woku-1 isi-4, “Zintanda, musani ukukholelwa yonke imimoya kodwa yicikideni ukuba yekaThixo na.”
Ndandisazi ukuba umoya ubonakele kum kwaye njengokuba ndandithandaza wabonakala kwakhona. Emva koko kwakhangeleka kum ngathi bekukho amawaka emithwalo esusiweyo kum. Ndaxhumela phezulu ndaza ndabalekela endlini kwaye kwakhangeleka ngathi ndandibaleka emoyeni.
UMama wabuza, “Bill, kwenzeke ntoni kuwe?” Ndaphendula, “Andazi kodwa ndiqinisekile ndiziva ngcono nakhaphukhaphu.” Ndandingenakho ukuhlala endlini kwakhona. Kwakufuneka ndiphakame ndibaleke.
Ndandisazi ngoko okokuba ukuba uThixo wafuna ndishumayele, Ebeya kundiphilisa. Ngoko ndaya ecaweni ekholelwa ekuthanjisweni nge oli kwaye ndaphiliswa. Ndabona ngoko ukuba abafundi banokuthile abaninzi babalungiliseleli abangenabo namhlanje. Abafundi babebhaptizwe ngoMoya oyiNgcwele ngenxa yoko babenakho ukuphilisa abagulayo nokwenza imimangaliso emikhulu eGameni Lakhe. Ngoko ndaqalisa ukuthandazela ubhaptizo lukaMoya oyiNgcwele ndaza ndalufumana.
Ngenye imini malunga nesithandathu seenyanga kamva, uThixo wandinika umnqweno wentliziyo yam. Wathetha nam ekuKhanyeni okukhulu, endixelela ukuba ndiyokushumayela kwaye ndithandazela abagulayo kwaye Uyakubaphilisa kungakhathaliseki nokuba sesiphi isifo abanaso. Ndaqalisa ukushumayela nokwenza oko Andixelele kona ukuba ndikwenze. Owu sihlobo, andinakwazi ukuqalisa ukuxelela konke okwenzekayo: Amehlo amfamekileyo avuleka. Iziqhwala zahamba. Imihlaza yayiphilisiwe, kwaye zonke iintlobo zemimangaliso yenziwa.
Ngenye imini ekupheleni kweSpring Street, eJeffersonville, Indiana, emva kwemvuselelo yeeveki ezimbini, ndandibhaptiza abantu abali-130. Yayiyimini eshushu ka Agasti kwaye kwakukho malunga nama 3,000 abantu ababekho. Ndandimalunga nokubhaptiza owe-17 umntu xa ngequbuliso ndeva eliya lizolileyo, lincinci iZwi kwakhona kwaye lathi, “Khangela phezulu.” Isibhakabhaka sasinjengobhedu ngalamini ishushu ka Agasti. Sasingakhange sibe namvula tu malunga neeveki ezintathu. Ndeva iZwi kwakhona, kwaye kwakhona ityeli lesithathu lathi, “Khangela phezulu.”
Ndakhangela phezulu kwaye nako kusiza kuphuma esibhakabhakeni inkwenkwezi enkulu ekhanyayo, endakhe ndayibona amatyeli amaninzi ngaphambili kodwa zange ndanixelela malunga nayo. Ngamaxa amaninzi ndabaxelela abantu malunga nokubonakala kwayo kodwa babesuka bandihleke bathi, “Bill, uyazicingela nje oko. Okanye mhlawumbi ubuphupha.” Kodwa makabongwe uThixo, ngeli xesha Wazibonakalisa Yena kokubonakalayo kubo bonke, ngokuba yeza kufutshane kakhulu kum ndandingenakho nokuthetha. Emva kokugqitha kwemizuzu embalwa ndakhala baza abantu bakhangela phezulu baza bayibona inkwenkwezi kanye ngentla kwam. Abanye bafa isiqaqa ngelixa abanye bakhwaza abanye babaleka. Emva koko inkwenkwezi yabuyela kwakhona esibhakabhakeni kwindawo apho ibisuka khona yayimalunga neenyawo ezilishumi elinesihlanu ngokuphindwe kane kwaye le ndawo yaqhubeka ishukuma kwaye ijikeleza okanye ngokungathi ngamaza eqengqeleka. Apho yenza kulendawo elincinci elimhlophe ilifu kwaye inkwenkwezi yangena kwelilifu lincinci.