“Xa ndandizalwa kwityotyombana elincinci eKentucky phezulu phaya, iNgelosi yeNkosi yeza efestileni yaza yema phaya. Kwakukho iNtsika yoMlilo.”
Ukusa kwakuqala ukuqhekeza ubumnyama besipholileyo isibhabhaka sika Epreli. Eyodwa, yeplanga ifestile yayivulekile ukuvulela oku kukhanya kwakusasa kungene kweligumbi linye ityotyombe elincinci. Ihlungulu limi ngasefestileni likhangeleka lithabathekile ngokukhethekileyo ngalentsasa kwaye laliculela phezulu kakhulu. Ngaphakathi etyotyombeni, osemtsha uCharles Branham efake izandla zakhe kweyakhe entsha i-ovarolo kwaye ejonge ezantsi kowakhe onama-15 eminyaka umfazi. “Siyakumbiza ngegama lika William,” watsho utata.
Kweza ukuKhanya okungaphezu kwendalo efestileni. UkuKhanya kwahamba apha egumbini kwaza kwandanda phezu kwebhedi apho usana lwalusandula ukuzalelwa. Oko kukuKhanya okwakukunye okwakhupha abantwana bamaHebhere eYiphutha. YayikuKukhanya okunye okwahlangana noPawulos endleleni yakhe eya eDamasko. Kwaya Kona kwakuzakuhamba kukhokele olu sana luncinci ukuya kubiza uMtshakazi kaKristu aphume ehlabathini. Okwa kuKhanya kwakungeyonto yimbi ngaphandle kokuba yiNgelosi yeNkosi, iNtsika yoMlilo; kwaye Yona iphindile kwakhona yabonakala endodeni.
Kwaye khona phaya, kulomkhukhu wetyotyombe elincinci, ngala ntsasa ngo Apreli wesi-6, umbelekisi wavula ifestile ukuze ukukhanya kukhanyise ngaphakathi ukwenzela ukuba uMama noTata babone ukuba ndandikhangeleka njani. Emva koko ukuKhanya malunga nomlinganiselo womqamelelo kweza kusenza isaqhwithi ngefestile. Kwajikeleza apho ndandikho, kwaza kwehlela ebhedini. Abaninzi abantu basezintabeni babemile phaya. Babelila.
Ikhaya eliphantsi lalisezindulini zasemazantsi eKentucky, kufuphi nedolophana encinci yase Burkesville. Umhla yayingu Apreli wesi-6, 1909. Usana lwalulolokuqala kwabalishumi ababezakuzalwa nguCharles no Ella Branham.
Kwakungekudala ngaphambi kokuba iNgelosi yeNkosi ityelele omncinci uWilliam Branham kwakhona.
Xa wayengumntwana omcinci, iNgelosi yaqalisa ukuthetha naye, isithi uyakuhlala ubomi bakhe kufuphi nesixeko esibizwa iNew Albany. Waya endlwini waxelela unina oko kwakusandula ukwenzeka. Njengaye wonke umama, zange acinge nzulu ngebali waza wamlalisa ukumthoboza ezo mvakalelo zakhe zincinci. Emva kweminyaka emibini, usapho lwakhe lwandulukela eJeffersonville, Indiana, nje imayile ezimbalwa ukusuka kumazantsi esixeko i-Indiana ye New Albany.
Ingelosi kwakhona yathetha nomprofeti omncinci kwiminyaka embalwa kamva. Yayingumhla ozolileyo kaSeptemba kukho elifudumeleyo elikhanyisayo ilanga kumagqabi amibalabala asekwindla. Inkwenkwana yayijingxela njengoko yayiphethe amabhakethi amabini amanzi ukuhla ngendledlana. Umpha wawubotshelelwe phantsi kobhontsi owonzakeleyo ukuwugcina kude ebumdakeni. Yahlala phantsi ukuba iphumle kumthunzi womthi omde wommpampiri. Iinyembezi zazisihla ukusuka emehlweni akhe njengoko wayelilela ilishwa lakhe: Abahlobo bakhe babonwabile kumngxuma okwalapho wokuloba, kwaye yena wayebambekile ethuthela uyise amanzi. Ngesiquphe, umoya waqalisa ukujikeleza emthini ngasentla kwakhe. Wasula amehlo akhe wema ngenyawo. Wava isandi samagqabi sivuthelana emoyeni…kodwa kwakungekho moya. Wakhangela phezulu, kwaye malunga nesiqingatha emthini wommpampiri, into ethile yayijikelezisa amagqabi awomileyo.
Ngesiquphe iZwi lathetha, “Ungaseli okanye utshaye okanye ungcolise umzimba wakho nangayiphi indlela, kuyakubakho umsebenzi oyakufanele uwenza wakuba mdala.” Eyoyikayo inkwenkwe eminyaka isixhenxe yalahla amabhakethi yabalekela kunina.
Njengo Samuweli, uThixo uphindile kwakhona wathetha kumntwana.
Kwiveki ezimbalwa kamva, wayedlala amabhastile kunye nomninawa wakhe. Imvakalelo engaqhelekanga yamfikela. Wajonga ngaphaya phezu koMlambo i-Ohio waza wabona ibhulorho entle. Amadoda alishumi elinesithandathu awa afa njengoko ibhulorho yayinqumla umlambo. Umprofeti omncinci wayewubonile umbono wakhe wokuqala. Waxelela unina, kwaye unina wabhala phantsi eli bali lakhe. Kwiminyaka kamva, amadoda ali-16 awa afa njengoko ibhulorho iSecond Street eLouisville, Kentucky yayisakhiwa phezu koMlambo i-Ohio.
INkosi yayibonisa yena imibono yexesha elizayo. Kwaye njengabaprofeti ngaphambi kwakhe, imibono zange yasilela.