UMzalwana uBranham usoloko echaza ngeNtsika yoMlilo eyangqinela ulungiselelo lwakhe. Yayikho ekuzalweni kwakhe, yabonwa ngamawaka enxwemeni loMlambo i-Ohio, kwaye ibonakala imlandela naphina apho aya khona. Kwakungo 1950 apho iNkosi yanika zombini amakholwa nabangakholwayo ngokufanayo obungenakuphikiswa ubungqina bokuba leNtsika yoMlilo yayikunye naye umprofeti.
Ubusuku babusityakalelwe yimpikiswano eSam Houston Coliseum. UMzalwana uBranham wayekhokela imvuselelo yempiliso eyayitshayela umhlaba. Iintsikelelo zeNkosi uYesu zazigaleleka ngathi yimvula phezu kwamasimi kamoya engqolowa. Kodwa imiqondiso emikhulu nezimanga zange zibekho ngaphandle kwesigxeko. Njengoko kusoloko kunjalo, utshaba lwavusa umchasi. Imimoya emibini yahlangana eHouston Texas, kwaye iNgelosi yeNkosi Ngokwayo yehla ukuza kulwa idabi.
Amawaka ayeselekhona ukuza kungqina engabalekiyo imimangaliso eyayilandela le ndoda kaThixo. Kusuku olungaphambili, iqela labalungiseleli basekuhlaleni bamcela umngeni umprofeti kwingxoxo mpikiswano malunga nempiliso eNgcwele, kodwa umceli mngeni wawela kothembekileyo omdala umhlobo womprofeti, uMfundisi F.F. Bosworth. Iqela labathandabuzi lalikhokelwa ngowasekuhlaleni umlungiseleli waseBhaptizi neciko lomgxeki wempiliso eNgcwele. Ingxoxo mpikiswano eyayizakubakho yavuzela kumaphepha ndaba, awakhawuleza apapasha intloko-ndaba, “Inqatho Yezakwalizwi Iyakubasemoyeni Ngentsimbi Ye-7 p.m. Namhlanje KwiSam Houston Coliseum.”
Abathandabuzi baqesha umfoti oqeqeshiweyo, uTed Kipperman weDouglas Studio, ukuba ashicilele ingxoxo mpikiswano. Ngobo busuku, amafoto athatyathwa ngoMzalwana uBosworth eme ngokundilisekileyo njengoko abathandabuzi beme ngendlela egrogrisayo; ngaxesha lithile umnwe wakhe unyalwe ebusweni bethobekileyo endala indoda.
Xa ingxoxo mpikiswano yaqalisayo, uMfundisi uBosworth wakhawuleza waqinisekisa ukungathandabuzeki kwempiliso eNgcwele ngobungqina beSibhalo kwaza emva koko, ukungashiyi mbuzo, wacela bonke ababephilisiwe kwizifo zabo ukuba beme. Amawaka ema ngenyawo zabo. Emva kwabo babephilisiwe bathatha indawo zabo, wacela ukuba bonke ababephilisiwe ngempiliso eNgcwele nababehambisana nehlelo lale ndoda ukuba beme. Amakhulu amathathu amalungu ecawa aphakama ukubonakalisa ngokuzingca inceba ethe iNkosi uYesu yayibonakalisa kubo.
Ucelo mngeni ngoko lweza lusuka kumthandabuzi, “Makeze lamphilisi uNgcwele. Makayenze.” UMzalwana uBosworth wayenza yacaca eyokuba uYesu kuphela koMphilisi oNgcwele, kodwa ukubhavumla komthandabuzi kwaqhubeka. Ekugqibeleni, uMzalwana uBosworth wamemela uMzalwana uBranham eqongeni. Wasamkela isimemo phakathi kwemikhwaza yenkxaso.
Umprofeti, ezele nguMoya oyiNgcwele, wanikeza le mpendulo ilandelayo:
Andinakuphilisa namnye. Oku ndiyakutsho. Xa ndandingumntwana ndizalwa phezulu kwiLizwana laseKentucky, ngokukamama wam othandekayo, noko kwangqinelwayo ngobomi bam, kwabakho ukuKhanya okweza egumbini lweliya lincinci lidala ityotyombe phaya, apho lalikhona, kungekho nto emgangathweni walo phantsi, kwakungekho kwafestile, babenento nje encinci endala ukwenzela ifestile, nje ngecango elincinci, kwaye babeyityhale yavuleka malunga nentsimbi yesihlanu ekuseni, kwaza okukuKhanya kwajikeleza ngaphakathi nje ngokuba kwakuqalisa imini. Ukusukela ngelo xesha, Kubé kunam. YiNgelosi kaThixo. Yadibana nam ngobuqu kwiminyaka embalwa eyagqithayo. Ukuqhubeka ngobomi bam, Yandixelela izinto ezenzekayo, kwaye ndazixela kanye ngendlela Eyandixelela ngayo. Kwaye ndicela umngeni nabani nakuyiphi indawo, ukuba aye kwisixeko apho ndakhuliselwa khona, okanye naphina engenye, apho intetho yakhe yenziwa eGameni leNkosi, kuphela koko kwenzeka ngokuchanekileyo ngendlela ekuthwe iyakwenzeka.
Emva kokuba ewatshilo lomazwi, uMoya oyiNgcwele wawa phezu kweqonga, waze othabathekileyo umfoti wathabatha ifoto. UMzalwana uBranham washiya iqonga ngethobekileyo, kodwa eprofetayo intetho: “UThixo uyakungqina. Andisayi kuthetha nto ngaphezulu.”
Iqabana lika Mnu. Kipperman lakhawuleza laya kuvelisa lafota ukwenzela iindaba zentsasa elandelayo. Laqaphela into ethile engaqhelekanga njengoko wayekhupha ifoto lokuqala liphuma kwisiphuhlisi. Lona, njengakwamahlanu alandelayo amafoto, kwakungekho nto. Labamba intliziyo yalo lawela ngaphambili xa lalikhupha eyokugqibela evelisiweyo kwisiphuhlisi. Nako, kula foto yokugqibela, yayiyi Ntsika yoMlilo kwimo ebonakalayo iphumle ngaphezu kwentloko yomprofeti kaThixo, uWilliam Marrion Branham.
Abantwana bakaSirayeli bayibona iNtsika yoMlilo ikhokela uMoses, kwaye abantu balemihla bayibonile iNtsika yoMlilo ekwanye ikhokela omnye umprofeti.
Ifoto lasiwa ngokukhawuleza kuGeorge J. Lacy, uMvavanyi Oqeqeshiweyo waKrokrelwayo Amaxwebhu osebenzela i-U.S. F.B.I., owawuqinisekisayo umfanekiso ngolunamava uluvo lwakhe. Ixwebhu elisemthethweni olwaveliswa nguMnu. Lacy likwiphepha elilandelayo.
Oku kwakukudala kakhulu ngaphambi kokuba icomputer okanye ikhamera ezigcina imifanekiso, kwaye kungenakuchazwa nangesiphi isixhobo esaziwayo kwinzululwazi, ngaphandle kokuba kwabakho ngenene ukuKhanya ngaphezu kwentloko kaWilliam Branham. Namhlanje la foto ikwanye ingabonwa e-United States Library Of Congress, kwikomkhulu lesizwe, eWashington DC.