Yohane 14:12

Inene, inene, ndithi kuni, lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo uyakuyenza naye; kwanemikhulu kunale uyakuyenza; ngokuba ndiya kubawo.

Marko 16:17-18

Kwaye le miqondiso iyakulandelelana nabo bakholwayo; egameni lam bayakukhupha iidemoni; bayakuthetha ngeelwimi ezintsha;

Bayakubamba iinyoka; kwaye nokuba bathe basela into ebulalayo, ayisayi kubenzakalisa; bayakubeka izandla phezu kwabagulayo, kwaye bayakuphila.


Sonke kuthi singatyhila amaphepha eBhayibhile size sibone ukuba uThixo wenze imimangaliso: uMoses wacanda kubini uLwandle oluBomvu, u-Eliya wabiza indlala, uYesu wahamba phezu kwamanzi, kwaye abafundi baphilisa abagulayo.

Kukho ezingamawaka iziganeko ezishicilelweyo eBhayibhileni. Ukuba uThixo ungqina ngemiqondiso nezimanga, ngoko iphi imimangaliso yakhe namhlanje? Ingaba Angawuphilisa umhlaza njengoko Waphilisa iqhenqe eBhayibhileni? Malunga naphi ne-AIDS kunye nemalariya? Ingaba Usenakho ukwenza ummangaliso? Ewe, uThixo usayenza imimangaliso kwaye le miqondiso iyabalandela abo bakholwayo.

Ngoku, khangela sihlobo, cinga ngoKumkani George waseNgilane, xa waphiliswayo ekuqineni kwemithambo okuphinda-phindeneyo, xa wamthandazelayo. Cinga ngo Florence Nightingale, (uninakhulu, umseki weRed Cross), wayemalunga namashumi amathandathu obunzima, elele esifa ngaphaya ngumhlaza wethumbu lesisu, elele phaya esifa. Ihobe elincinci labhabhela etyholweni phaya waza uMoya kaThixo waza wathi, “ITSHO INKOSI, uyakuphila.” Kwaye unobunzima obulikhulu elinamashumi amahlanu anesihlanu obunzima kwimpilo egqibeleleyo.

Cinga ngo Congressman Upshaw ehleli ebophelelekile esitulweni nasebhedini unyaka emva konyaka, kangangamashumi amathandathu anesithandathu eminyaka. Kwaye nje ngethutyana lexesha wama ngeenyawo zakhe, wabaleka esakhiweni, wachukumisa iinzwana zakhe, wayephiliswe ngokugqibeleleyo.

Cinga nje ngamawaka amawaka abantu abaphiliswayo. Kutheni sihleli apha nje side sife? Masenze into malunga nayo.

Yiba nokholo ukuba uyagula okanye unesidingo. IBhayibhile itshilo ukuba uYesu Kristu nguye izolo, namhlanje, naphakade, ke ukuba Wayekwazi ukwenza ummangaliso kumawaka amabini eminyaka eyagqithayo, ngoko Unakho ukwenza kwa into enye nanamhlanje. Usithembisile ukuba siphilisiwe, ukuba singakholwa kuphela.

Congressman Upshaw

Ukhonze iminyaka esibhozo kwiNdlu yaBameli eNited States kwaye wazigqatsela ubumongameli ngo1932. Isiganeko sobufama samkhubaza esengumntwana, kwaye wachitha ama-66 eminyaka ngaxa lithile kwintonga zokuhamba okanye kwisitulo sokuhamba. Ngo 1951, waphiliswa ngokupheleleyo kwaye wahamba ngokugqibeleleyo ubomi bakhe bonke.

 
Florence Nightingale

Isizalwana esingasondela nga ncam kumongikazi odumileyo, waye enongapheliyo umhlaza wesisu. Wathumela lo mfanekiso njengesicelo sakhe sokugqibela sokuthandazelwa phambi kokuba umhlaza uthabathe ubomi bakhe. Njengoko unokubona, wayekwiqondo lokufa phambi kokuba iNkosi uYesu imphilise ngo 1950. Umfanekiso olandelayo wathatyathwa emva kokuphiliswa kwakhe waza wathunyelwa njengobungqina bokuba uThixo usaphilisa abagulayo.


Tris Griffin

uTris Griffin waya kwi-ofisi kagqirha ekuqaleni ko 2013 ngokuba wayeneentlungu zomqolo owayesoyikela ukuba ingaba kukubuya kwengxaki yakhe yomhlaza. I-MRI yabonisa “umxhelo oqhaqhekileyo” entliziyweni yakhe, owabangela oogqirha benze ezinye iimvavanyo baza bacwangcisa uqhaqho olungxamisekileyo kusuku olulandelayo. Umgca oya entliziyweni emfanekisweni yimfanta ecacileyo engathetha okukhawulezileyo kunye nokuphantse ukuqinisikiseka ukufa ukuba iyadumba.

Kusuku olulandelayo, emva kokuba amakholwa ethandazile ngaye, oogqirha benze enye iCT scan ukwalatha ngokuchanekileyo indawo apho ukuqhaqheka bekukhona ngaphambi kotyando. Ngeli xesha, imifanekiso yabonisa intliziyo ephile qete. Ngokumangaliswa, ugqirha otyandayo waxelela uNksk. Griffin, “Andazi emandikuxelele kona. Ubunomxhelo oqhaqhekileyo, kodwa bonke ubungqina bumkile.” Wambonisa imifanekiso ngaphambi komthandazo, nangasemva kwawo. “Ukhululekile ukuba ungahamba, kwaye ngenye indlela, akukho naphawu lamhlaza. Usempilweni egqibeleleyo.”

 

Isolathisi sikagqirha solathe kumxhelo olithunzi, indawo esisangqa embindini womfanekiso. Umgca oxwesileyo ukunqumla kuyo ludumbo lomthambo, okanye “ukuqhaqheka” komxhelo, ntoleyo efuna utyando olukhawulezileyo kwaye iyabulala ukuba iyadumba. I-scan sesibini senziwa kusuku olulandelayo. Ukuqhaqheka kwakunyamalale ngokupheleleyo kwaye zange kwabuyela.

Izalathiso

Indumiso 103:2-3

Mbonge uYEHOVA, mphefumlo wam, ungayilibali yonke impatho yakhe entle:

Uloxelela bonke ubugwenxa bakho; ulophilisa zonke izifo zakho;

Isaya 53:5

Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube phezu kwakhe; kwaye siphiliswa ngemivumba yakhe.

Marko 16:17

Kwaye imiqondiso eyakulandelana nabo bakholiweyo nantsi; Egameni lam bayakukhupha iidemon; bayakuthetha ngeelwimi ezintsha;

Luka 17:6

Ithe ke iNkosi, Ukuba beninokholo olunjengokhozo lwemostade, beningathi kulo mthombe, Ncothuka, utyaleke elwandle; kwaye uze unive.

Yohane 14:12

Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna uyakuyenza naye yena; nemikhulu kunale uyakuyenza; ngokuba mna ndisiya kuye uBawo.

I Tesalonika 1:5

Ngokuba iindaba ezilungileyo zethu azibangakho kuni ngantetho yodwa, zabakho nangamandla, nangoMoya oyiNgcwele, nangenkoloseko enkulu; njengoko naziyo ukuba saba ngabanjani na phakathi kwenu ngenxa yenu.

Kumahebhere 2:3-4

Sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana; lona olwaqalwa ukuthethwa yiyo iNkosi, lwaza lwaqiniselwa kuthi ngabo bayivayo yona;

UThixo engqinelana nabo, ngemiqondiso kwanezimanga, nemisebenzi ngemisebenzi yamandla, nezabelo zoMoya oyiNgcwele, ngokokuthanda kwakhe?

Kumahebhere 13:8

UYesu Kristu ukwanguye izolo, namhlanje, naphakade.

Yakobi 5:15

Wothi umthandazo wokholo umsindise lowo ugulayo, yaye iNkosi iyakumvusa; kwaye nokuba ubethe wenza izono, wozixolelwa.

I Petros 2:24

Owathi ngokwakhe wazithwala izono zethu ngomzimba wakhe emthini, ukuze thina, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni: omivumba yakhe naphiliswa ngayo.