Malaki 4:1

Ngokuba, yabonani, iyeza imini, eyakuvutha njengeziko…


Malaki 4:5-6

Yabonani, ndiyakuthumela kuni u-eliya umprofeti ingekafiki imini enkulu eyoyikekayo kayehova:
Wobuyisela iintliziyo zooyise kubantwana, neentliziyo zabantwana kooyise, hleze ndize ndilichithe ilizwe ngokuliphanzisa.


Incwadi yokugqibela yeTestamente Endala ithembisa ukutshatyalaliswa kwehlabathi. Kodwa ngaphambi kwesiphelo, u-Eliya umprofeti uqikelelwa ukuba abuye aze azise uMesiya. Abanye bathi uYohane umBhaptizi usizalisekisile esi siprofeto.

Kumawaka amabini agqithayo, amaYuda ayelindele ukuza kukaMesiya. Babesazi ukuba uMalaki waprofeta ngendoda enomoya ka Eliya eyakwazisa uMesiya kubo. Kodwa xa uYohane umBhaptizi wezayo, wayengeyiyo into ebabeyilindile ukuba abe yiyo u-Eliya. Xa bambuzayo uYesu malunga nokuba kutheni u-Eliya engafikanga tanci, Wabaxelela ngokucacileyo ukuba uYohane wayeyinzaliseko yesa siprofeto: “Kwaye ukuba beniyakuyamkela, lona ngu Eliya, lowo ebefanele ukuza.”

Yayiliqela elincinci kuphela labantu elamkela esi sityhilelo. Kwezininzi iinkokheli zeenkolo, uYohane wayengeyonto kuphela obaxayo umgxeki wemibutho yabo. Asikukuphela ngokuba bangaqondi umoya ka Eliya, kodwa okukhulu, baphosana noKuza kukaKristu.

Ke ingaba uYohane umBhaptizi wazalisekisa isiprofeto sikaMalaki? Hayi ngokupheleleyo.

Okokuqala, ihlabathi alivuthanga “njengeziko” okwakalokunje, ke siyazi ukuba inxalenye kaMalaki 4 isafanele yenzeke. Enye indawo yeSibhalo eyayingazange izaliswe nguYohane yayi, “ukubuyisela iintliziyo zabantwana kooyise.” Kwaye, uYesu, Ngokwakhe, waprofeta ukuba u-Eliya uya (ixesha elizayo) kuza aze abuyisele zonke izinto. (Matt 17:11)

Ngoko kufanele sikhangela u-Eliya ngaphambi koKuza kweSibini kukaKristu!

Ngoku, kulo mhla wanamhlanje, lixesha loKuza kweSibini kweNkosi uYesu. Kwakhona, sithenjisiwe okokuba umoya ka Eliya uyamazisa Yena kuthi ngokuka Malaki 4. Kodwa leliphi iqela labantu eliyakumqonda u-Eliya xa esiza? Kuphela ngabo abakhangela yena.

AMazwi eNkosi yethu noMsindisi aza engqondweni xa sicinga ngesiprofeto sikaMalaki sokuvala eziyure zexesha:

Ke ndithi kuni, La Eliya selefikile, kwaye abamazanga yena... Mateyu 17:12

Kungathini ukuba sikuphosile ukuza kukaEliya? Ingaba ngoko siyakukuphosa uKuza kweSibini kukaKristu, njengababhali nabaFarisi bakuphosayo uKuza kokuQala ngokuba zange bamqonde uYohane umBhaptizi?

 

 

 

 

Izalathiso

II Ookumkani 2:15

Kwaye xa oonyana babaprofeti eYeriko ababekhangele bambonayo yena, bathi, Umoya ka Eliya uhleli ku Elisha. Baya kumkhawulela, baqubuda emhlabeni phambi kwakhe.

Isaya 40:3-4

Ilizwi lothile lamemeza entlango lisithi, Yigeceni indlela kaYEHOVA, tyenenezelani uThixo wethu umendo enkqantosini.

Yonke imifula mayinyuswe, zonke iintaba neenduli zigungxulwe: iindawo ezimagqagala zibe zithabazi, nemixawuka ibe ziintili: [UYohane umBhaptizi]

Malaki 3:1

Yabonani, ndiya kuthuma umthunywa wam [UYohane umBhaptizi], kwaye uyakugeca indlela phambi kwam: kwaye iNkosi, leyo niyifunayo, iyakuza ngesiquphe etempileni yayo, nkqu nomthunywa womnqophiso, enimlangazelelayo: yabona, uyeza, utsho uYEHOVA wemikhosi.

Malaki 4:1-6

Ngokuba, yabonani, iyeza imini, eyakuvutha njengeziko [ayikenzeki okwakalokunje]; kwaye bonke abakhukhumeleyo, ewe, nabenzi bonke bokungendawo, bayakukhubeka kwaye, ibalenye loo mini izayo, utsho uYEHOVA wemikhosi, ingabashiyeli ngcambu nasebe.

Ke kuni nina baloyikayo igama lam iLanga lobulungisa liya kuphuma linophiliso emaphikweni alo; kwaye niya kuphuma, nidlobe njengamankonyane asesitalini.

Kwaye niyakubaxovula abangendawo; ngokuba baya kuba luthuthu phantsi kweentende zeenyawo zenu ngemini endikwenzayo oku, utsho uYEHOVA wemikhosi.

Khumbulani umyalelo kaMoses umkhonzi wam, endamwisela eHorebhe ngokusingisele kumaSirayeli onke, imimiselo namasiko.

Yabona, ndiya kuthumela kuni u-Eliya umprofeti ingekafiki imini enkulu eyoyikekayo kaYEHOVA:

Kwaye wóbuyisela iintliziyo zooyise kubantwana [UYohane umBhaptizi], neentliziyo zabantwana kooyise [U-Eliya walomhla], hleze ndize ndilichithe ilizwe ngokuliphanzisa.

Mateyu 11:10

Kuba lo ngulowo, kubhaliweyo ngaye kwathiwa, Yabonani, mna ndiyasithuma isithunywa sam ngaphambi kobuso bakho, esiya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. [Malaki 3:1, UYohane umBhaptizi]

Mateyu 11:14

Kananjalo ukuba niyavuma ukukwamkela oko, yena ngu Eliya, lowo bekuthiwe uzakufika. [UYohane umBhaptizi]

Mateyu 17:11-12

Uphendule ke UYesu wathi kubo, Okunene kufika u-Eliya tanci, abuye azimise zonke izinto. [U-Eliya walomhla]

Ke ndithi kuni, u-Eliya uselefikile, abamazanga, kodwa basuka benza kuye konke abakuthandayo. Kwangokunjalo unyana woMntu uzakuva ubunzima ngabo. [UYohane umBhaptizi]

Luka 1:17

Yena uyakuhamba phambi kobuso bayo enomoya enamandla ka Eliya, ukuba azibuyisele iintliziyo zooyise kubantwana, nabangevayo kuko ukuqonda kwamalungisa; alungisele iNkosi abantu abalungisiweyo. [UYohane umBhaptizi]