Lena ilandelayo yeminye yemibuzo esiyifumeneyo malunga nolungiselelo lwethu. Ukuba, emveni ufunde ezi, usenombuzo malunga nohlobo lokwenziwa kwale website, nceda usithumelele i-email ku answers@themessage.com.

 

Yintoni eyakho inkcazelo yokholo?

Siyakutsho ukuba ngokusesikweni imfundiso yebandla iyakuba yiBhayibhile, ukusuka kwiGenesis ukuya kwiZityhilelo. Eyethu inkcazelo yokholo ingachazwa ngokufutshane ngoluhlobo: Asinamfundiso ngaphandle koKristu; Asinamthetho ngaphandle kothando; Asinancwadi ngaphandle kweBhayibhile.

Sele ndingumKristu. Ingaba okunene olulwazi kule website lubaluleke kum?

Ewe! AmaKristu kufanele alikholelwe lonke iLizwi likaThixo; sesosizathu sihamba siye enkonzweni kwaye sifunde iiBhayibhile zethu. Kutheni uyakukholelwa inxenye yeBhayibhle ethi uYesu wafela izono zakho ungahoyi indlela esaqala ngayo isono eMyezweni we-Eden?

Ndiyakholwa oku ndikufundileyo kuyinyaniso. Ndingajoyina njani?

Umzimba kaKristu awulonqulo-mntu okanye ihlelo, kwaye okuphela kobulungu obufunekayo okukuba ukholwe kwiNkosi uYesu. Ungazikhathazi ngokufuna ukuzazisa okanye ugcwalise amaphepha kunye norhulumente wecawa. Kholelwa nje iLizwi, kwaye iNkosi iyakuthabathela kuyo yonke engenye.

Ingaba ulibandla?

Asilobandla elingumbutho, kodwa silungiselela amawaka eenkonzo nezigidi zabantu ngabanye kwilizwe jikelele ngokubanika izinto eziphathekayo zenkolo. Injongo yethu kukukhuthaza abantu basondele kwiNkosi uYesu ngokwenza ukuba iVangeli Yakhe ifumaneke kumntu wonke ophezu kobuso bomhlaba.

Ndifuna ukubhaptizwa. Ngoku yintoni?

Ukuba awufumani mntu wokubhaptizela eGameni leNkosi uYesu Kristu, sithumelele i-email kunye nendawo okuyo kwaye siyakuthumela kuwe uluhlu lwamabandla endawo ohlala kuyo anokukubhaptiza ngendlela echanekileyo. Khumbula, ngokweBhayibhile kubalulekile ukubhaptizelwa eGameni likaYesu, hayi kwizihlonipho zikaYise, Nyana, kunye noMoya oyiNgcwele.

Ingaba ucinga ndilahlekile ngokuba ndingumKatolika okanye ilungu lelinye ihlelo?

INkosi uYesu yathi, “Ningagwebi, ukuze ningagwetywa.” Akukho mntu onegunya lokugweba intsindiso. UYesu kananjalo wathi, “ Lowo ukholwayo aze abhaptizwe uyakusindiswa; kodwa lowo ungakholwayo uyakutshabalala.” Ke akukhathaliseki nokuba ungumKatolika, umBhaptizi; okanye owakwaMoya; ukuba ukholelwa kwiNkosi uYesu Kristu ngoko uyakusindiswa.

Yintoni iVoice Of God Recordings(VGR)?

Voice Of God Recordings, Inc. lolungaphandle kobuhlelo ulungiselelo oluzinikele ekuhambiseleni phambile kweVangeli yeNkosi uYesu Kristu. Owokuqala umthombo wezinto eziphathekayo esizihambisayo zezishicilelweyo iintshumayelo zongasekhoyo uWilliam Marrion Branham, umprofeti kaThixo kunye nowaziwa jikelele umvangeli. Ezethu esizikhuphayo zibandakanya iiMP3 CDs, iiDVD, iivideo, software, iincwadi, oolindixesha, amaphetshana eendaba, kunye neewebsites.

Ngubani uWilliam Branham, kwaye unantoni yakwenza nam?

Umfundisi uBranham wayengwaziwayo ehlabathini umvangeli owayesentsimini yobuMishinari ukusuka malunga nowe 1947 ukuya ngowe 1965. Akakhokelelanga nje kuphela izigidi kuKristu, kodwa uThixo wangqinela ulungiselelo lwakhe ngengabalekiyo imimangaliso. Elikhonkco lezoqhangamshelwano luyakunika ngokuqaleka kolungiselelo lwakhe.

Ukuba yonke lemimangaliso ngenene yenzeka, kutheni lento ndingazange ndive ngaye?

Lowo ngumbuzo olungileyo, kwaye omnye esinokuthanda ukubuza zonke ezibalulekileyo iicawa zanamhlanje. UThixo uthume umprofeti! Kutheni abantu bengathethi ngalonto? Bekumele benze njalo.

Kutheni nigxininisa kangaka kuWilliam Branham?

Kusesosizathu uYoshuwa wagxininisa kuMoses. UMoses wayengumprofeti owayezise umyalezo osuka kuThixo. UMzalwana uBranham wenze kwa lonto inye.

Ndibabonile abafazi ababandakanywa nolungiselelo lwenu. Kutheni lento bonke benenwele ezinde kwaye benxiba iziketi ezinde?

UPawulos wathi kumaKorinte Okuqala 11:15: “Kodwa ukuba umfazi unenwele ezinde, oko kuluzuko kuye: kuba iinwele zakhe uzinikiwe yena endaweni yesigqubuthelo.” UPawulos kwakhona wathi abafazi “mabanxibe ngokundilisekileyo…” kwaye uMoses wathi, “Umfazi akayi kunxiba oko kwenzelwe indoda.” Ukuba iBhayibhile iyayitsho, ngoko amaKristu enene ayakuyikholelwa.

Ndenze uphando kwaye ndafumanisa ezimbalwa zeewebsites ezizinikeleyo ukugxeka oko uMfundisi uBranham akutshiloyo. Nibaphendula njani?

Uzakufumana iiwebsites ezizinikele ukugxibha nayiphi into kunye nantonina, nkqu neBhayibhile. Sikucela ngokuzithoba okokuba uwugwebe uMyalezo esikunika wona ngeLizwi likaThixo, hayi ngezigxeko ekulula ukuzifumana kwi internet. Khumbula, akukho namnye owayekhe wagxekwa ngaphaya kweNkosi uYesu. Ukuba wenza into elungileyo, ngoko lindela ukugxekwa.

Yonke lemibutho inenxaso engxoweni yam. Kwasoloko kunento yokwenza nemali.

Qaphela akukho ndawo kule sebsite yokwenza isicelo samali. Xa kufika ixesha lokuba singqibe malunga nemali, ngoko ixesha liyakube lifikile lokuba olu lungiselelo luphele. Oku akunanto yakwenza namali, kukunento yokwenza nokuzisa imiphefumlo kuYesu Kristu.

Ndifuna ukufunda banzi; yintoni inyathelo elilandelayo?

IBhayibhile ithi, “Ukholo luza ngokuva,” ke siyakukhuthaza uhlale umamele. Sinezingaphezulu kwe 1,200 ezishicilelweyo iintshumayelo zokuba uzikhuphelele simahla. Singakuthumelela izinto eziphathekayo kwimbalelwano yakho ukuba unengxaki yokuzikhuphelela kubuxhakaxhaka.


www.branham.org ipaphasha iindaba kunye nobungqina obubandakanyeka kulungiselelo lwethu. Siyakumema ukuba usityelele uze ufunde ingxelo ezisuka kumakholwa kwihlabathi jikelele. Uyakumangaliswa ekubeni zingakanani izinto iNkosi uYesu ezenzayo kanye ngoku, kulemihla yangoku.