Yohane 5:28-29

Musani ukumangaliswa kuko oku: ngokuba kuza ilixa, abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe, baphume ke;
Abo benza izinto ezilungileyo, beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.


Kuza ilixa xa wonke ngamnye kuthi, nokuba ngumKristu okanye ngolunye uhlobo, ayakufumanisa ngokuyinene yintoni engaphaya komkhusane wexesha. IBhayibhile ithembisa ngoBomi baNaphakade kwabanye, kwaye kwabanye, ithembisa umgwebo. Wonke umntu kwimbali yonke uzibuzile ngokuqinisekileyo, “Kuyakwenzeka ntoni kum xa ndifayo?”

Kudala ngaphambi kokubakho kweBhayibhile yokufunda, umprofeti uYobhi waqaphela indalo. Wathetha ngethemba lomthi, indlela oyakugawulwa uwiswe uze ufe, noko ngevumba lamanzi, uyantshula ubuyele ebomini uze uvelise izidumba. UYobhi wazi ukuba umntu, njengomthi, uyakuvukela ebomini kwakhona:

Ukuba umntu uyafa, ingaba wophila kwakhona? yonke imihla endiyinikiweyo yobomi bendinga ndingalinda, kude kufike ukukhululwa kwam.

Ubungabizayo ke, ndisabele mna: uwulangazelele umsebenzi wezandla zakho.

Kuba ngoku uyawabala amabanga am: akuzigcinile ngenxa yesono sam? (UYobhi 14:14-16)

UYobhi angangabinayo iBhayibhile yokufunda, kodwa wazi ukuba uThixo ngenye imini uyakumvusa engcwabeni xa uMhlanguli woluntu ebonakala.

Akwaba ngoku ebebhalwa amazwi am! owu akwaba ebekrolwe encwadini!

Ngentlabo yesinyithi atyidwe ngelothe axholwa elityeni nanini.

Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli, nokuba uya kusuka eme phezu kothuli lwehlabathi:

Nasemveni kokuba iimpethu ziwudlavuzile umzimba wam, kodwa enyameni yam ndiya kumbona uThixo: (UYobhi 19:23-26)

Umprofeti wayethetha ngeNkosi uYesu kunye novuko lwabantu Bayo. Ngesityhilelo uYobhi wazi okokuba nakubeni imizimba yethu inganyamalala iphele, uYesu uyakuyibuyisela inyama yethu. Kwaye ngawethu amehlo, siyakukubona uKuza Kwakhe. Bonke abantu bakaThixo bangxamele ukubona lamhla uzukileyo.

Nakuba kunjalo, nje ngokuqinisekileyo kokuba ukho uThixo, kananjalo ukho nomtyholi; kwaye nje ngokuqinisekileyo kokuba kukho iZulu, sikho nesihogo. Iqashiso likhulu kunokuba singacinga. Umpostile uPawulos watsho ukuthi, “Iliso alikaboni, nendlebe ayikeva, kungazange kwathi qatha entliziyweni yomntu, izinto athe uThixo wazilungiselela abo bamthandayo yena.” (I Kor. 2:9)

Iingqondo zethu azinakuliqonda ukuba liyakuba likhulu kangakanani iZulu, zingasokuze ziqonde obona bubi besihogo. UYesu usixelela ukuba isihogo sibi kakhulu kangangokuba bekuyakuba ngcono ukuba besisika ilungu emizimbeni yethu kunokulinga ukuya kulandawo imbi kakhulu.

Kwaye ukuba isandla sakho siyakuhlupha, sinqamle usisuse: kuba kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, konokuba uthi unezandla ezibini umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo: (Marko 9:43)

Ke ngubani oyakuya eZulwini? Ingubani oyakuya esihogweni? Yingcinga ebuhlungu, kodwa uYesu watsho ukuba abantu abaninzi abayi kwamkela umvuzo Yena athanda ukuwunikisa: Ngenani ngesango elimxinwa: ngokuba libanzi isango, kwaye iphangalele nendlela, esa entshabalalweni, baninzi ke abangena ngalo: Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini, bambalwa ke abalifumanayo. (Matt 7:13-14)

Watsho futhi uYesu, “Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abayakungena embusweni wezulu; koko ngabo bayenzayo intando kaBawo osezulwini. Baninzi abayakuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho saprofetha? sathi egameni lakho sakhupha iidemon? sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi? Ndize ngoko ndithi kubo, Andizange ndinazi: mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.” (Matt 7:21-23)

Nje ukubanga ubuKristu komntu akuthethi ukuba usindisiwe. Ke, lo ngumbuzo ocacileyo ezingqondweni zethu: Ndingabufumana njani uBomi obunguNaphakade? UYesu wasinika nje elula impendulo: Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, unobomi obungunaphakade, akezi ekugwetyweni; uphume ekufeni wangena ebomini. (Yohane 5:24)

Ngelishwa, kukho abambalwa kakhulu abantu ehlabathini namhlanje abanokuthanda ukuthabatha ixesha kwimihla yabo exakekileyo lokuba bave iLizwi likaThixo. Kwaye kukho abambalwa kakhulu abayakulikholelwa iLizwi emveni kokuba belivile.

Amabandla asixelela ukuba masibe ngabantu abalungileyo, sicinge lungileyo, singaxoki, siqhathe, okanye sibe, kwaye siyakuya eZulwini. Abaqondi ukuba isihogo siyakuzala ngabantu abakhangeleka bephila ubomi obulungileyo. Okuyinene kukuba asiyi kuya eZulwini ngenxa yemisebenzi yethu yobulungisa okanye ngenxa yokuba singamalungu ebandla elithile. Kukho indlela ekuphela kwayo eya kuBomi obunguNaphakade, kwaye leyo ingoYesu Kristu. Wasiyalela okokuba masiKHOLWE iLizwi LAKHE, ntoleyo iyiBhayibhile. Kungenjalo, singasindiswa njani?

Xa imini yomgwebo ikufikela, uyakuva, “Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselelwa nina kwasekusekweni kwehlabathi,” (Matt 25:34) okanye uyakuva, “Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade, owalungiselwa umtyholi kunye neengelosi zakhe”? (Matt 25:41)

Njengoko amehlo akho efunda kulamazwi, unokhetho ofanele ulwenze: Ingaba uyakukhetha ukukholelwa iLizwi likaThixo?

Kuphi apho uyakuchitha khona unaphakade wakho?







Izalathiso

UYobhi 14:12-16

Umntu ulala phantsi ke angavuki; lide izulu lingabikho, bangaqabuki, bangavuswa ebuthongweni babo.

Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo, akwaba ubungandisithelisi, ude ugqithe umsindo wakho, undimisele umda, undikhumbule ke!

Ukuba úthe umntu wafa, wophila na? yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi, bendinga ndigalinda, kude kufike ukukhululwa kwam.

Ubungábizayo ke, ndisabele mna: uwulangazélele umsebenzi wezandla zakho.

Kuba ngoku uyawabala amabanga am: akuzigcinile ngenxa yezono zam?

UYobhi 19:23-26

Akwaba ngoku ebebhalwa amazwi am! owu akwaba ebekrolwe encwadini!

Ngentlabo yesinyithi atyidwe ngelothe axholwa elityeni nanini!

Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli, nokuba uya kusuka eme phezu kothuli lwehlabathi:

Nasemveni kokuba iimpethu ziwudlavuzile lo mzimba, noko kunjalo kule nyama ndiya kumbona uThixo.

Mateyu 7:21-23

Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abayakungena embusweni wezulu; koko ngabo bayenzayo intando kaBawo osezulwini.

Baninzi abayakuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho saprofetha? sathi egameni lakho sakhupha iidemon? sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi?

Ndize ngoko ndithi kubo, Andizange ndinazi: mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.

Mateyu 22:14

Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.

Yohane 3:16-17

Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe, okuphela kwamzeleyo ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.

Kuba uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini ukuze aligwebe ihlabathi; koko wamthuma ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye.

Yohane 5:24

Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, unobomi obungunaphakade, akezi ekugwetyweni; koko uphume ekufeni wangena ebomini.

I Kwabasekorinte 2:9

Njengoko kubhaliwe, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.

I Tesalonika 4:13-18

Ke kaloku andithandi ukuba ningazi, bazalwana, mayela nabalele ukufa, ukuze ningabi buhlungu, njengabanye abangenathemba bona.

Kuba xa sikholwa ukuba uYesu wafa wabuya wavuka, nabo abo balele ukufa ngaye uYesu uThixo woza nabo kunye naye.

Kuba oku siyakutsho oku kuni ngelizwi leNkosi, ukuthi thina babudlayo ubomi abaya kuba besekho ekufikeni kweNkosi asisayi kubaphangela abalele ukufa.

Ngokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla ezulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo: baze abafele kuKristu bavuke kuqala:

Sandule thina babudlayo ubomi basaseleyo sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi: kwaye siyakuhlala sindawonye kunye neNkosi naphakade.

Ngoko ke thuthuzelanani ngala mazwi.