Umprofeti?



EBhayibhileni, uThixo wasoloko ezisa uMyalezo Wakhe ebantwini behlabathi ngomprofeti wesigaba. Wathetha kuMosis ngetyholo elivuthayo kwaye wamnika umyalelo wokukhokela amaHebhere awakhuphe eYiphutha. Ebonakalayo iNtsika yoMlilo kunye neminye imiqondiso yanikezelwa ukungqinela ulungiselelo lwakhe. UYohane umBhaptizi wazisa uMyalezo esenza ihlabathi lilungele ukuza kukaMesiya. Ngelixa ebhaptiza iNkosi uYesu kuMlambo iYordane, iLizwi lisuka eZulwini langqinisisa umyalelo kaYohane wokwazisa iMvana kaThixo, “Lo nguNyana Wam oyintanda, Endikholisiweyo nguye.” Emva kweminyaka; iLizwi leNkosi laviwa kwakhona lithetha kumprofeti xa Wathetha kuPawulos ngokuKhanya okuphandlayo, kwaza kamva kwamnika umyalelo wokubeka amabandla kulungelelwano. Kuyo yonke Entsha neNdala iTestamente, uThixo akazange athethe ebantwini Bakhe ngenkqubo yobuhlelo okanye imibutho yezenkolo. Wasoloko ethetha ebantwini ngomntu omnye: umprofeti Wakhe. Kwaye Wabangqinela aba baprofeti ngimiqondiso engaphezulu kwendalo.

Ke malunga naphi namhlanje? Ingaba uThixo utyhila iLizwi Lakhe kumprofeti? Ingaba isekhona imiqondiso engaphezu kwendalo? Ingaba uThixo angathumela owalemihla umprofeti ehlabathini? Impendulo eqinisekisiweyo, “Ewe!”

Ke sakwazi njani xa umprofeti evela? Uyakukhangeleka njani? Uyakwenza njani? Yintoni umqondiso ayakusinika wona? Sesiphi iSibhalo ayakusizalisekisa?

Abaprofeti bakudala yayingamadoda akhaliphileyo kaThixo, kwaye ayengoyiki ukuma ngokuchaseneyo nemibutho yezenkolo. Eneneni, babesoloko bephantse bathiywa ngabefundisi. U-Eliya wacela umngeni imibutho yezenkolo yomhla wakhe, ebabuza okokuba uThixo uyakuwuhlonipha umnikelo wabo, okanye owakhe. Bakhwaza. Baprofeta. Baxhumaxhuma phezu kwesibingelelo. Bazisika ngeemela. Kodwa uThixo akazange abeve. U-Eliya wakhangela phezulu eZulwini wathi, “Makwazeke ngalo mhla ukuba wena unguThixo kwaSirayeli, kwaye mna ndingumkhonzi wakho, kwaye ndizenze zonke ezi zinto ngokwelizwi lakho.” Waza emva koko wabiza umlilo eZulwini ukuba udle umnikelo. UMikaya umprofeti wamelana noKumkani wakwaSirayeli, kunye nobubingeleli bonke, xa wakhalimela uMbingeleli oMkhulu uZedekiya ngokuprofeta ubuxoki. UMbingeleli oMkhulu wamqhwaba ngempama waza uKumkani wamvalela ngenxa yokuthetha inyaniso. Nkqu neNkosi uYesu yayithiyiwe kakhulu yimibutho yezenkolo yemihla Yakhe eyambethelelayo Yena emnqamlezweni ecaleni kwezikhohlakeleyo izihange. Ukuba imbali inyanisekile, umprofeti uyakuthiywa zinqubo zamahlelo alemihla, kwaye uyakubizwa njengesiphambusa, umprofeti wobuxoki, nokubi kakhulu. Kodwa uThixo wayeyakuma ngakumkhonzi Wakhe.

Ukuba kwakhe kwakho umprofeti kulemini yanamhlanje, ebeyakwamkelwa njani yiCawa yobuKatolika? ICawa iBhaptizi? ICawa yobuLutere? Naliphi ihlelo?

INkosi uYesu yayalela bonke abakholwayo kuYe: “Kwaye le miqondiso iyakulandelelana nabo abakholwayo; Egameni lam bayakukhupha iidemoni; bayakuthetha ngeelwimi ezintsha; Bayakuphatha iinyoka; kwaye ukuba basele nantoni ebulalayo, ayisayi kubenzakalisa; bayakubeka izandla phezu kwabagulayo, baze baphiliswe.” (Marko 16:17-18). Ingaba esi Sibhalo sinyanisekile namhlanje? Ukuba asinyanisanga, aphelelwe nini aMazwi eNkosi? Kuyo yonke iBhayibhile, abaprofeti babekwazi ukuphilisa abagulayo, ukukhuphha iidemoni, nokwenza imimangaliso. UMoses wabeka inyoka yobhedu phambi kwabantu bakaSirayeli ukuze baphiliswe ekulunyweni ziinyoka ezinobuhlungu. (Numeri 21:9). UNahaman, umSiriya oligorha, waza ku Eliya ukuze aphiliswe kwiqhenqa (II Ookumkani 5:9). Xa umfana wawa wafa esuka kwifestile ephezulu, umpostile uPawulos wamwola waza wabuyisela ubomi kumzimba ofileyo (IZenzo 20:10). Sinengxelo ebhaliweyo emalunga ne 3½ yeminyaka yobomi beNkosi yethu uYesu, kodwa ngayo lo minyaka imbalwa, Waqhubekeka ephilisa abagulayo. Imfama zenziwa zabona. Abaneqhenqe baphiliswa. Izithulu zafumana ukuva kwazo. Iziqhwala zahamba. Lonke uhlobo lwesigulo lwaphiliswa (Matt 4:23).

Kananjalo uThixo wangqinela abaprofeti bakhe ngezinye iindlela ngaphandle kwempiliso. Nezona zinqatyisiweyo iimfihlakalo zentliziyo zenziwe zaziwa kula madoda kaThixo. Ukumkani uNebhukadnetsare wayenephupha elimhluphayo, kodwa wayengenakho ukukhumbula ukuba lalimalunga nantoni. Umprofeti uDaniyeli wamxelela ukumkani kokubini iphupha kunye nesiprofeto esasilandela (Dan 2:28). Akukho nto yayifihlakele kuSolomon xa iKumkanikazi yaseShebha yeza phambi kwakhe. Wayezaliswe kakhulu nguMoya ukude amxelele imibuzo yentliziyo yakhe ngaphambi kokuba ayibuze (I Ookumkani 10:3). U-Elisha wamxelela uKumkani wakwaSirayeli onke amacebo oKumkani waseSiriya, nkqu ukuya kumazwi asemfihlekweni kwigumbi lakhe lokulala (II Ookumkani 6:12).

Ngazo izenzo Zakhe, iNkosi uYesu ivamise ukubonakalisa ukuba uMoya wokucalula nguMoya kaKristu. Wacalula isimo sikaNathaniyeli xa Wathi, “Nanko umSirayeli inyaniso, ekungekho nkohliso kuye!” Kwaye uYesu waqhubeka wamxelela uNathaniyeli apho wayekho xa uFiliphu wamxelela malunga noMesiya (Yohane 1:48). Xa uNathaniyeli wabonayo ukuba uYesu wayeyazi intliziyo yakhe, wamqonda Yena kwangoko ukuba nguKristu. Ityeli lokuqala uYesu ebona uPetros, Wamxelela igama likatata wakhe, uYona (Yohane 1:42). Emva koko uPetros washiya konke waza walandela uYesu ubomi bakhe bonke. UYesu wadibana nentokazi yomSamariya equleni waza wayixelela ngezono zayo ezidlulileyo. Amazwi ayo okuqala, “Mhlekazi, ndiyabona ukuba wena unguye umprofeti” (Yohane 4:19). Sonke esi sithathu saba bantu babesuka kwindlela ezahlukeneyo zobomi, kodwa ngokukhawuleza bamqonda uYesu xa Wabonakalisa isipho sokucalula.

Ingaba esi sipho sanyamalala xa iphepha lokugqibela eBhayibhileni labhalwayo? Ukuba le miqondiso ibhalwe ngokucacileyo eBhayibhileni, iphi namhlanje? Umprofeti walo mhla uyakungqinelwa ngokuqinisekileyo ngemimangaliso.

Ingaba uThixo ubalibele abantu Bakhe? Ingaba Usenakho ukuphilisa abagulayo? Ingaba Usathetha kuthi ngabaprofeti Bakhe? Ingaba ukho kubaprofeti owakhe wawubona lomhla?

Ingaba kukho iziprofeto ekusafanele zizaliseke?