Genesis 3:1
Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto ezuphilileyo zasendle abezenzile uyehova uthixo. Yathi kumfazi, utshilo na, okunene uthixo ukuthi, ze ningandli kuyo yonke imithi yomyezo?
Genesis 3:6-7
Kwaye xa wabonayo umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, kwaye ingumthi onqweneleka ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla, waza wanika nendoda yakhe; inaye yadla.
Aze aqabuka amehlo abo bobabini, bazi ukuba bahamba zè; bathunga amagqabi omkhiwane, bazenzela imibhinqo.
Genesis 3:14-15
Wathi uyehova uthixo kwinyoka, ngokuba uyenzile lento, uqalekisiwe wena ngaphezu kwento zonke ezizitho ziné neento zonke eziphilileyo zasendle; uyakuhamba ngesisu, udle uthuli yonke imihla yobomi bakho:
Kwaye ndiyakumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.
Esi sisono sokuqala ukushicilelwa eBhayibhileni. Eyona inobuqhophololo kwizinto eziphilileyo zasendle, inyoka, “yamlukuhla” u-Eva ekubeni atye kwintwanana yesiqhamo esingavumelekanga. Wasitya waza wasinika nomyeni wakhe, ntoleyo eyababangela baqonde ukuba babezé.
Imibuzo ecacileyo yile: Ingathetha njani inyoka? Linanto yakwenza nantoni i-apile nokubeni zé? Kwaye, kuphi apho imbewu yenyoka ingena khona kuko konke oku?
IBhayibhile ithi inyoka yayiyeyona nto “inobuqhophololo” kuzo zonke izinto eziphilayo zasendle. Yayi njengomntu, okokuba ingahamba, ingathetha, kwaye ingabanencoko ekrelekrele. Emva kokuba ilukuhle umfazi ka Adam, uThixo wayiqalekisa ukuba ibe yinyoka, kodwa hayi ngaphambi kokwenzeka komonakalo kwaye imbewu yatyalwa.
IBhayibhile ithi kwiGenesis 3:15 okokuba inyoka yayinembewu, kwaye uThixo wabeka ubutshaba phakathi kwezimbewu zimbini. Ngokucacileyo, imbewu yenyoka yaxubana nembewu yendalo ka-Eva ngaphambi kokwahlukaniswa. Kanjani konke oko kube ziziphumo zokutyiwa kwe-apile? Ngoko, ivesi ezimbalwa kamva, “U-Adam walibiza igama lomkakhe ngokuthi ngu Eva; ngokuba engunina wabo abaphilileyo bonke.” Qaphela ukuba ayithi u-Adam wayenguyise wabaphilileyo bonke.
Kukho “iziqhamo” ezahlukileyo eBhayibhileni. Kakade, kukho isiqhamo sokwenene, njenge apile, elikhulayo kwaye liyatyiwa njengokutya. Kananjalo kukho isiqhamo esibhekiselele kwimisebenzi yethu, nokuba yimisebenzi yasenyameni njengokufuya nokushishini, okanye imisebenzi yasemoyeni njengokwenza imimangaliso nokushumayela iVangeli. Kwakhona, kukho isiqhamo sesibeleko, esibhekiselele ekukhawulweni nasekuzalweni komntwana.
Ingaba ukutya isiqhamo sokwenene singanika u-Adam no-Eva ukuqonda kokuba babeze? Okanye, ingaba kungathabatha ukuhlangana ngenyama phakathi kwendoda nomfazi okokuba bona bazi ukuba kutheni kufanele bagqume iindawo ezithile zemizimba yabo?
Yintoni eyenzekayo ngala mini eMyezweni eyabangela lonke uluntu luwe?
Njengoko iMbewu yomfazi yayinguThixo wenene eziveza kwakhona ngoKwakhe enyameni yomntu, ngoko nembewu yenyoka yindlela yokwenene awathi uSathana wayifumana ukuba wayenakho ukuzivulela isango lokungena eluntwini. Kwakungakwazeki kuSathana (ngokuba kuphela kwesidalwa esingokomoya ESIDALIWEYO) esinokuzivelisa kwakhona ngendlela awathi uThixo wazivelisa Yena, ngoko ibali leGenesis lisixelela indlela awavelisa imbewu yakhe waza wazibonakalisa okanye wazifaka kuhlanga loluntu. Kwaye khumbula ukuba uSathana ubizwa ngokuba yi “nyoka.” Leyo yimbewu yakhe okanye ukufakwa kuhlanga loluntu esithetha ngako.
Ngaphambi kokuba u-Adam abenokwazi u-Eva ngokwasenyameni, inyoka yayisele inalo olwalwazi ngaphambi kwakhe. Kwaye owazalwa kulo yayingu Kayini. UKayini waye (ezalwe, ozelweyo) ngo “Wongongendawo,” (I Yohane 3:12)
…Inyaniso yeyokuba u-Eva wayenoonyana ABABINI esibelekweni sakhe (amawele) aphuma kukhawulo OLWAHLUKENEYO. Wayethwele amawele, ngokhawulo lukaKayini kuqala ngaphambi kolo luka Abheli.
Izalathiso
Genesis 3:6-7
Kwaye xa wabonayo umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, kwaye ingumthi onqweneleka ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla, waza wanika nendoda yakhe; inaye yadla.
Aze aqubuka amehlo abo bobabini, bazi ukuba bahamba zè; bathunga amagqabi omkhiwane, bazenzela imibhinqo.
[Bazi njani ukuba babezè ngenxa yokutya intwana yesiqhamo?]
Genesis 3:13-15
Wathi uYEHOVA uThixo kumfazi, Yintoni na le uyenzileyo? Wathi umfazi, Inyoka indilukuhlile, ndaze ndatya.
Wathi uYEHOVA uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile lento, uqalekisiwe wena ngaphezu kwento zonke ezizitho zine, neento zonke eziphilileyo zasendle; uyakuhamba ngesisu, udle uthuli yonke imihla yobomi bakho:
Kwaye ndiyakumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.
[Inyoka yayinembewu. Ngokucacileyo, oko akubhekiselelanga enyokeni erhubuluzayo.]
Genesis 3:20
Waza u-Adam walibiza igama lomkakhe ngokuthi ngu Eva; ngokuba yena engunina wabaphilileyo bonke.
[Kutheni u-Adam engabizwa ngoyise wabaphilileyo bonke?]
Genesis 4:1-2
Kwaye u-Adam wamazi u-Eva umkakhe; waza wamitha, wazala uKayin, wathi, Ndizuze indoda ngoYEHOVA.
Waphinda wazala umninawa wakhe u-Abheli. Ke u-Abheli wayengumalusi wezimvu, kodwa uKayin waba ngumsebenzi womhlaba.
[Bonke ubomi buphuma kuThixo, nokuba buze ngokufanelekileyo okanye ngokungafanelekanga. USathana akanakudala bomi.]
Luka 3:38
Owayengunyana ka Enos, owayengunyana ka Sete, owayengunyana ka Adam, owayengunyana ka Thixo.
[Uphi unyana wamazibulo uKayin kumlibo ka Adam?]
I Yohane 3:12
Singabi njengoKayin, obengowongendawo, owambulalayo umninawa wakhe. Wambulalela ni? Ngokuba imisebenzi yakhe ibingendawo, ke yona eyomninawa wakhe ibinobulungisa.
[UThixo wamdala u-Adam ngokomfanekiselo Wakhe. Busuka phi ubungendawo buka Kayin, kwaye busuka phi ubulungisa buka-Abheli? Imvelaphi zabo zazifunyenwe kooyise babo.]
Juda 1:14
Waprofeta ke nangabo u-Enoki, owesixhenxe ukususela ku-Adam, esithi, Yabonani, yeza iNkosi namawaka alishumi abangcwele bayo,
[Akukho kwandawo eBhayibhileni uKayini ekumnombo ka Adam.]