Indumiso 96:13
Phambi koyehova: ngokuba esiza, ngokuba esiza kugweba ihlabathi: uyakuligweba ihlabathi ngokobulungisa, nabantu ngokunyanisa kwakhe.
Kukho amawaka amahlelo ahlukeneyo ehlabathini namhlanje. Inkolo nganye igweba enye, noko zonke zithembisa ngentsindiso eza ngamahlelo abo. Sazi njani ukuba leliphi emasikhethe lona?
UKuba sikhetha ibandla leKatolika, ngoko samkela ukungxengxezelwa ngabangcwele, ntoleyo engekho nganeno ekuthandazeni kwizithixo. IBhayibhile ithi, “Kuba mnye uThixo, kwaye mnye nomxolelanisi phakathi koThixo nabantu, umntu uYesu Kristu;” (I Tim 2:5). Umpristi ubizwa “Bawo” ntoleyo eyayigatyiwe nguYesu kuMatt 23:9: “Ze ningabizi mntu uyihlo wenu phezu komhlaba: ngokuba mnye uYihlo wenu, lowo usezulwini.” I-Assemblies of God isixelela ukuba ukuthetha ngeelwimi luphawo lukaMoya oyiNgcwele, xa uPawulos wathi, “Ndingafanelana ndithetha ngeelwimi zabantu nezezithunywa zezulu, uthando ndingenalo, ndisuke ndaba yixina ehlokomayo, okanye icangci elikhenkcezayo.” (I Kor 13:1)
Phantse onke amahlelo ayakhawuleza ukusixelela ukuba izinto ezininzi eBhayibhileni zitolikwe ngokuphosakeleyo, zilahleke ekuguqulweni, okanye azingeni kwilizwe lanamhlanje. Ke, ingaba sifanele ukukholelwa iBhayibhile okanye imfundiso yobuhlelo? Yintoni ayakuyisebenzisa uThixo njengezinga lokugweba?
Ukuba ndingabuza umKatolika apha ngobubusuku, “Ucinga yintoni ayakuligweba ngayo ihlabathi uThixo?” UmKatolika uthi, “Ngebandla lobuKatolika.” Kulungile, ngoku eliphi iBandla lobuKatolika? Ngoku baneyobuRoma, eyobuGrike boMthetho, kunye nezininzi zazo. Eliphi iBandla lobuKatolika eyakuba lilo? AmaLutere athi, “Ngathi,” ngoko ungaphandle wena mBhaptizi. Kwaye ngoko ukuba siyakuthi, “NgobuBhaptizi,” ngoko abakwaMoya bangaphandle. Ngoko bekuyakubakho umbhodamo, bekungayi kubakho bani waziyo amakakwenze; ke Akazange athembise kulingweba ihlabathi ngebandla.
Wathembisa ukuligweba ihlabathi ngoKristu, kwaye uKristu liLizwi. Kwaye iBhayibhile yiyo eyakuligweba ihlabathi, lowo nguYesu Kristu okwanguye izolo, namhlanje, naphakade.
Izalathiso
Yohane 1:1
Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo.
Yohane 1:14
Kwaye uLizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, (kwaye sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise,) ezele lubabalo nayinyaniso.
Yohane 5:22
Kuba kananjalo uYise akagwebi namnye, koko uthe umgwebo wonke wawunikela kuNyana:
Yohane 12:48
Lowo undigibayo mna, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo: ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.
Kwabase-Efese 1:5-7
Othe ngokusithanda wasimisela ngenxa engaphambili ukuba senziwe abantwana ngoYesu Kristu kuye, ngokwenkolelo yokuthanda kwakhe,
Ukuze kudunyiswe uzuko lobabalo lwakhe, awasibabala ngalo sikuye othandiweyo.
Esinayo sikuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi, ukuxolelwa ke kweziphoso zethu, ngokobutyebi bobabalo lwakhe;
Kwabase-Efese 2:5-8
Nakubeni sasifile zizono, wasidlisa ubomi ndawonye noKristu, (nisindiswé ngobabalo;)
Wasivusa naye, wasihlalisa naye kwezasemazulwini iindawo sikuKristu Yesu:
Ukuze ubutyebi obuncamisileyo bobabalo lwakhe abubonakalise kwizigaba ezizayo, ngokusenzela ububele ngoKristu Yesu.
Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni: kusisipho sikaThixo:
I Yohane 1:7
Ke ukuba sihamba ekukhanyeni, njengoko yena esekukhanyeni, soba sinobudlelwana omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu uNyana wakhe lisihlambe kuso sonke isono.
Isityhilelo 22:18-19
Kuba ndiyangqina kubantu bonke abawevayo amazwi esiprofeto sale ncwadi, Ukuba xa umntu athe wongeza kwezi zinto, uThixo uyakongeza kuye izibetho ezibhaliweyo kule ncwadi:
Ukuba umntu uthe wasusa kuwo amazwi encwadi yesi siprofeto, uThixo uya kusisusa isabelo sakhe encwadini yobomi, nakuwo umzi ongcwele, nakuzo izinto ezibhaliweyo kule ncwadi.