Ngokucacileyo, ubhaptizo lubaluleke kakhulu, kodwa ingaba kukhathalisekile ukuba sibhaptizwa
njani?
Ingaba lukho ubhaptizo oluchanekileyo, okanye nayiphi into ingasebenza? Ukuba uyayikholelwa iBhayibhile, ngoko EWE, lukho ubhaptizo oluchanekileyo.
Amabandla amaninzi abhaptizela eGameni likaYise, Nyana, noMoya oyiNgcwele, kodwa oku akuchanekanga eBhayibhileni.
KwiZenzo 19, kwakukho abantu abathile ababesele bekholiwe kuYesu Kristu, kodwa noko bengekawamkeli uMoya oyiNgcwele ezintliziyweni zabo. Umpostile uPawulos wayazi indlela echanekileyo yokwamkela uMoya oyiNgcwele, ke wababuza, “Nabhaptizelwa enini na phofu?” Kwaye bathi, “Kubhaptizo lukaYohane.” (Izenzo 19:3) UPawulos wabona ukuba babengabhaptizwanga ngokomyalelo kaPetros kwiZenzo 2:38, ke wabayalela ukuba baphindwe babhaptizelwe eGameni leNkosi uYesu. Ngoko, njengoko kuthenjisiwe, bamkela uMoya oyiNgcwele.
Ke, kutheni abafundi babhaptizela eGameni likaYesu ngelixa uYesu, ngoKwakhe, wabaxelela ukuba babhaptizele
eGameni
(hayi “magama”) likaYise, nelikaNyana, nelikaMoya oyiNgcwele? (Matt 28:19) Ingaba benza impazamo? Hayi! Benza twantse njengoko babeyalelwe.
Njengoko ufunda elinkqaku lomhleli, cinga ngegama lakho. Ingaba ungunyana? Ingaba igama lakho, ngu “Nyana”? Ingaba ungunina? Ingaba igama lakho ngu “Nina”? Kakade hayi, ezo zizihlonipho nje. Unegama lenene, kwaye unjalo noThixo.
Nantsi apha impendulo:
Kwaye zange kwabakho nto injalo eBhayibhileni nawuphi umntu wakhe wabhaptizwa egameni likaYise, Nyana, Moya oyiNgcwele; ngokuba akukho nto injalo. UBawo asilogama; noNyana asilogama; kwaye noMoya oyiNgcwele asilogama; kodwa iGama likaYise, Nyana, Moya oyiNgcwele yiNkosi uYesu Kristu.
UYesu Kristu nguThixo! NguYise, uNyana, kunye noMoya oyiNgcwele.
Ukuba ufuna uMoya oyiNgcwele kwaye ukhamnqisiwe kutheni iNkosi ingekakuniki okwakaloku nje, ngoko ungathanda ukuzibuza kwa umbuzo omnye owathi uPawulos wawubuza, “Nabhaptizelwa enini na phofu?”
Izalathiso
Mateyu 28:19
Hambani ngoko, nifundise zonke izizwe, nibabhaptizela
egameni
likaYise, nelikaNyana, nelikaMoya oyiNgcwele:
[Ngubani iGama likaYise? IGama likaNyana? IGama likaMoya oyiNgcwele?]
Marko 16:16
Lowo ukholiweyo wabhaptizwa uyakusindiswa; ke yena ongakholwanga uyakugwetywa.
Yohane 5:43
Ndize egameni likaBawo,
anindamkeli: ukuba omnye uthe weza ngelilelakhe igama, nomamkela yena.
[Ukuba Uza eGameni likaYise, ngoko ngubani iGama Lakhe?]
Yohane 10:30
Mna noBawo sibanye.
Yohane 12:45
Lowo undibonayo ubona owandithumayo.
Yohane 14:8-9
Athi uFilipu kuye, Nkosi, sibonise uYihlo, kosanelisa.
Wathi uYesu kuye,
Ndinaxesha lingakanani ndinani, akukandazi na, Filipu?
lowo undibonileyo mna umbonile uBawo; utsho ngani na ke wena ukuthi, Sibonise uBawo?
Yohane 20:27-28
Andule athi kuTomas,
Ethe apha umnwe wakho, uzibonele izandla zam; ethe isandla sakho usifake ecaleni lam: musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo.
Uphendule uTomas wathi kuye,
Nkosi yam, Thixo wam.
Izenzo 2:38-39
Uthe ke uPetros kubo, Guqukani, nibhaptizwe nonke ngabanye
egameni likaYesu Kristu
ukuze nixolelwe izono, kwaye niyakwamkela isipho soMoya oyiNgcwele.
Kuba idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iya kubabiza.
Izenzo 4:12
Kananjalo usindiso alukho kuwumbi: kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo.
Izenzo 8:12
Xenikweni ke bakholwayo nguFilipu eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo,
nezegama likaYesu Kristu,
babhaptizwa amadoda, kwanabafazi.
Izenzo 19:3-6
Wathi kubo, Nanibhaptizelwe enini na phofu? Bathe ke bona, Elubhaptizweni lukaYohane.
Wathi ke uPawulos, UYohane okunene wabhaptiza ubhaptizo lwenguquko, esithi ebantwini, mabakholwe kulowo uzayo emva kwakhe, oko kukuthi, kuKristu uYesu.
Bevile ke oku, babhaptizelwa
egameni leNkosi uYesu.
Uthe uPawulos akubeka izandla phezu kwabo, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo; baye bethetha ngeelwimi, beprofeta.
Kwabase-Efese 4:5
Inye iNkosi, lunye ukholo,
lunye ubhaptizo,
Kwabasekolose 3:17
Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke
egameni leNkosi uYesu,
nibulela ngayo kuye uThixo uYise.
I Yohane 5:7
Ngokuba bathathu abo bangqinayo ezulwini, uYise, iLizwi, noMoya oyiNgcwele: kwaye
aba bathathu banye.